1. Okuthunyelelwayo luxwebhu loMgaqo-nkqubo neMigaqo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ngoKhuseleko kwiSayensi yeZikolo. Ekuqulunqeni lo mgaqo-nkqubo nemigaqo kwathathelwa ingqalelo izimvo (iikhomenti) ezavela kuluntu.
2. Olu xwebhu lucacisa imigaqo, imithetho namanyathelo amiselweyo ngumgaqo-nkqubo weSebe leMfundo leNtshona Koloni kunye nesicwangciso sokuphunyezwa kwawo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba iSayensi ifundiswa ngendlela ekhuselekileyo kumaziko emfundo alo nokuba iikhemikhali ezigciniweyo zisetyenziselwa kuphela ukukwenza amalinge (experimental work) omsebenzi omiselweyo kwiingcaciso zekharityhulam kazwelonke ehlaziyiweyo. Lukwanika noluhlu lwezinto elizimisele ukuzenza eli Sebe leMfundo kunye nemigqaliselo emayilandelwe zizikolo.
3. Ayacelwa onke amaziko emfundo achaphazelekayo ukuba abe sele ekulungele ukuphunyezwa kwalo mgaqo-nkqubo nemigaqo ngowoku-1 Januwari 2005 ngokuthi
  • atyumbe amagosa okhuseleko lwezesayensi achaphazelekayo

  • anike ingcaciso yaye aqeqeshe ootitshala/abasebenzi abanoxanduva lokwenza lo msebenzi

  • enze amalungiselelo ayimfuneko aya kwenza iilabhoratri zaziwe njengeendawo ezikhuselekileyo.

4. Onke la maziko emfundo achaphazelekayo aza kuthunyelelwa ebudeni bonyaka incwadana esisikhokelo (manual) sokhuseleko kwisayensi yezikolo neya kwenza kube lula ukuphumeza lo mgaqo-nkqubo.
5. Olu xwebhu lukwafumaneka nakwiziko lewebhu loPhuhliso lwezeKharityhulam apha http://curriculum.wcape.school.za/site/52/page/view/. Imibuzo ingabhekiswa kumlawuli okanye kumcebisi ngezekharityhulam oyintloko okwi-EMDC yakho.
6. Kucelwa ukuba iintloko zamaziko emfundo zazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala, abazali, abagcini babafundi nabafundi ukuze bonke bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE:NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:04:10

IMIGAQO ELAWULA INKQUBO  (grootte: 92 KB)