1. Umhla we-27 Apreli 2004 ubalula inqanaba lokuphela kweminyaka elishuni yedemokhrasi nokuqalisa kwelandelayo. Eli lixesha lokubhiyoza, lokubulela uMdali nokuzinikezela ngokutsha kumbono (vision) othi ubomi obubhetele kubo bonke abemi boMzantsi Afrika kunye nexesha lokuzikisa ukucinga sijonge inkqubela eyenzekileyo ukususela ngo-1994 kunye nemingeni yokukhusela oko sele kuzuziwe.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni kunye namanye amasebe amaphondo avumelene ngeprogram yezinto eziza kwenziwa ( khangela kuluhlu oluqhotyoshelweyo ) ekufuneka amasebe karhulumente namaziko emfundo azenze ukuthatha inxaxheba kule mibhiyozo. Injongo yale program kukomeleza ithemba nokubamanya babe yimbumba bonke abemi boMzantsi Afrika kunye noluntu lwamazwe ngamazwe kwinyathelo lokwenza uMzantsi Afrika obhetele, iAfrika ebhetele nehlabathi elibhetele. Ayakhuthazwa onke amaziko emfundo ukuba athathe inxaxheba enkulu kangangoko kwezi zinto zininzi ziza kwenziwa.
3. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zibandakanye kwimisebenzi yazo yesikolo yemihla ngemihla ngawo wonke unyaka wesikolo ka-2004 lo mxholo ‘UkuBhiyozela iMinyaka eliShumi yeDemokhrasi’. Makusetyenziswe imixholo ebandakanya le miyalezo ingundoqo ilandelayo:
  • Ukubhiyozela inkululeko efunyenweyo nokubulela uMdali

  • Ibhongo neqhayiya ngempumelelo yethu njengesizwe ukususela ngo-1994, ngokuba singobani na thina yaye sisaza kuba yintoni naIbhongo neqhayiya ngempumelelo yethu njengesizwe ukususela ngo-1994, ngokuba singobani na thina yaye sisaza kuba yintoni na

  • Ukuthathela ingqalelo abantu abenze igalelo elibonakalayo

  • Ukujonga phambili ngolangazelelo kwinkqubela, idemokhrasi nozinzo

  • Ukwamkela wonke umntu - bonke abemi boMzantsi Afrika.

4. Ukunceda izikolo ezingenazibonelelo (resources), iSebe leMfundo liza kubonelela isikolo ngasinye ngepasela eneephowusta zezinto eziliqhayiya nebhongo (symbols) kuthi baseMzantsi Afrika, umhobe wesizwe, iimbasa zokuwonga zesizwe namaziko esizwe. Le pasela iya kuba nencwadana yezinto emazenziwe ngosuku ngalunye lwezo ntsuku zibalulekileyo kwimbali yoMzantsi Afrika, isikhokelo ngezinto eziza kwenziwa kunye neflegi yelizwe lethu.
5. Niyacelwa ukuba nazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala, abazali/abagcini babafundi nabafundi ukuze bonke bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE:NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:03:24

10-Year Democracy Celebrations: Departmental Activities  (ubukhulu: 56 KB)