1. Ukulandelwa kobhaliso lwabafundi liSebe leMfundo leNtshona Koloni kubonisa ukuba abafundi abaninzi bashiya isikolo phambi kokuba bafumane iSatifikethi seMatriki seBakala 12. Kumaphando ngamaphando enziweyo kwakunye namava eenqununu abonise ukuba esinye sezona zizathu ziphambili zoku kukuba abafundi abaninzi ababhaliseli iiprogram ezifanelekileyo. Ngako oko ke eli Sebe leMfundo liqalise ngephulo elikhulu kakhulu lokunika ingcebiso enxulumene nokuzikhethela ikhondo lomsebenzi kubafundi beBakala 9. Njengenxalenye yale program, eli Sebe liza kube livavanya bonke abafundi beBakala 8 kuLwimi (isiNgesi okanye isi-Afrikansi) nakwiMathematika. Injongo yezi mvavanyo (ngokusebenzisana neprogram yePACE yamaKhondo eMisebenzi eyaziswa uluntu njengangoku) kukunceda abafundi ekukhetheni amakhondo emisebenzi afanelekileyo. Ukongeza ziya kusetyenziselwa ukuqaphela ezo ndawo apho kunokufunwa inkxaso engaphezulu zizikolo kunye nokulinganisa imigangatho yethu nemigangatho yamazwe ngamazwe.
2. Ezi mvavanyo ziya kubhalwa ngabo bonke abafundi beBakala 8 kwizikolo zikaRhulumente zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ngolu hlobo lulandelayo:
2.1 Uvavanyo loLwimi: 19 Meyi 2004 ukususela ngo-09:00 kuye ku-10:00
2.2 Uvavanyo lweMathematika: 27 Julayi 2004 ukususela ngo-09:00 kuye ku-10:00
3. Ezi mvavanyo mazibhalwe ngokulandela iimeko zoviwo olumiselweyo yaye makusetyenziswe imithetho ephathelele ekubhaleni uviwo lweMatriki.
4. Amaphepha emibuzo (question papers) aya kuziswa ezikolweni phambi kokuba kuqale uviwo yaye emva koko kuya kuqokelelwa amaphepha eempendulo (answer sheets) aze amakishwe ngabaqulunqe ezi mvavanyo. Oku kuthetha ukuba ootitshala abazi kumakisha iimpendulo zabafundi babo. Iziphumo, kunye nocalu-calulo olubanzi lweziphumo zomfundi ngamnye nezesikolo eso, ziya kuthunyelwa ezikolweni ezichaphazelekayo ekuyeni ekupheleni konyaka.
5. Ncedani niqaphele ukuba ezi mvavanyo aziyonxalenye yamanqaku okupasa kwabafundi beBakala 8 nokuba akulindelekanga ukuba abafundi bafunde izifundo ezithile bafundele ezi mvavanyo njengoko kuza kuvavanywa izakhono neengcinga ezisekekileyo (concepts) ezifanele ibakala 8.
6. Iinkcukacha ezibanzi zokuqhutywa kweemvavanyo ziya kuhamba kunye namaphepha emibuzo. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ngokubhalwa kwezi mvavanyo ngeentsuku nangamaxesha ezimiselwe wona, ze kuthi, apho kukho imfuneko, kuhlenga-hlengiswe iiprogram ngokufanelekileyo.


ISAYINWE:NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:03:15