1. |
INTSHAYELELO Le setyhula isaqhuba imicimbi eyayikwiSetyhula 0222/2003 eyathunyelwa ezikolweni ngoNovemba 2003. INkcazo yeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo (RNCS) iya kuqaIisa ukuphunyezwa kumaBakala 4 - 6 ngo-2005. Iikhosi zoqeqesho lweekomiti zolawulo lwezikolo zaseprayimari (SMTs) kunye nootitshala besiGaba esiPhakathi bezikolo zikarhulumente nezikolo ezizimeleyo, ziya kuqhutywa ngethuba leeholide zikaJulayi kwi-EMDC nganye. Ezi khosi zenzelwe ukulungiselela ukuphunyezwa kwe- RNCS kwisiGaba esiPhakathi ngo -2005. |
2. |
INKQUBO YOQEQESHO Ukuxhotyiswa ngolwazi nokuqeqeshwa kwee-SMT, ootitshala namagosa ukuba baqalise ukuphumeza iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo, linyathelo elenziwa ngokubambisana elithathwe liSebe leMfundo likazwelonke, ngamasebe emfundo amaphondo, ngamaziko emfundo aphakamileyo, yimibutho yootitshala nababoneleli beenkonzo (service providers). Iprogram yoqeqesho yephondo iqulethe oku kulandelayo:
Uqeqesho lweKomiti eQeqeshayo yePhondo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni, oluqhutywa yiKomiti eqeqeshayo kaZwelonke: Apreli - Juni 2004.
Uqeqesho lweekomiti zolawulo zezikolo kunye nootitshala besiGaba esiPhakathi oluqhutywa yiKomiti eQeqeshayo yePhondo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni- ukususela kowoku-1 - 20 Julayi 2004.
Uqeqesho lwamagosa nababoneleli beenkonzo ngabasebenzi abakwi-EMDC nakwaNdlunkulu ngo-2004.
|
3. |
UQEQESHO LWABAPHATH BEZIKOLO Inqununu yesikolo kunye nekomiti yayo yolawulo, ngakumbi ngeli xesha lokutshintsha kwekharityhulam, idlala indima ebaluleke kakhulu ekulawuleni ikharityhulam ngokumalunga nabafundi, ootitshala, abazali nabahlali. |
3.1 |
|
The keeping of the regiersonnel under his.
Ikhosi yabaphathi bezikolo iya kuqhutywa usuku olunesiqingatha yaye iya kubandakanya oku kulandelayo:
Isishwankathelo nolwazi olunzulu lwendlela equlunqwe ngayo, lweempawu, imigaqo neengcinga ezisisiseko (concepts) ze-RNCS
Iziphumo zezifundo kunye nemigangatho yovavanyo kwiinkalo zezifundo
Ukuveliswa kweeprogram zezifundo
Ukujongwa kweenkalo zezifundo kuthelekiswa neeprogram zezifundo kwaneendlela ezingadityaniswa ngayo iinkalo zezifundo kwiiprogram zezifundo kwisiGaba esiPhakathi
Ulwabiwo lwamaxesha nokucwangciswa kwamaxesha ukwenza lula ukufundisa
Imiqathango yovavanyo: imibandela yokupasa kwabafundi nokunikwa inkxaso
Ulawulo lwekharityhulam esikolweni
Imibandela yezolawulo
Ukukhethwa nokulawulwa ngempumelelo kweencwadi nezinto zokunika inkxaso kubafundi nakootitshala (LTSM)
Uphuhliso lweendlela zonxibelelwano nabanye neendlela zokunika inkxaso
Iimpendulo kwimibuzo nezinto ezixhalabisayo
|
3.2 |
|
Kubalulekile ukuba bacelwe abathathi-nxaxheba ukuba beze ne’promotional set’ yesikolo okanye iseti yabo abayisebenzisayo yeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo. Ngelishwa akukho zikopi zimbi zifumanekayo. Izixhobo zokubhala nazo makuziwe nazo ekhosini. |
4. |
UQEQESHO LOOTITSHALA BESIGABA ESIPHAKATHI (IBAKALA 4 UKUYA KU-6) |
4.1 |
|
Bonke ootitshala besiGaba esiPhakathi neeNtloko eZongamele iZifundo kwizikolo zikarhulumente nakwizikolo ezizimeleyo kufuneka beze kule khosi yoqeqesho lootitshala phambi kokuba kuqaliswe i-RNCS ngo-2005. Esinye seziphumo zale khosi kukuveliswa kweProgram yeziFundo engumzekelo, o.k.t. ukucwangcisa iprogram yesigaba. |
4.2 |
|
Ikhosi yootitshala besiGaba esiPhakathi iya kuba yikhosi yeentsuku ezintlanu kwaye iya kuquka oku:
imiqathango yovavanyo: imibandela yokupasa kwabafundi nokunikwa inkxaso
ukuveliswa kweeprogram zezifundo
ukujongwa kweenkalo zezifundo kuthelekiswa neeprogram zezifundo kwaneendlela ezingadityaniswa ngayo iinkalo zezifundo kwiiprogram zezifundo kwisigaba esiphakathi
ukuveliswa kweprogram yesifundo (isicwangciso sesigaba), ishedyuli yomsebenzi (isicwangciso somsebenzi wonyaka webakala) nesicwangciso sezifundo (lesson plans) eziza kufundiswa ngutitshala azenzele ukuba zisetyenziswe nguye
ulawulo lweklasi
imfundo iziphumo zokufunda nemigangatho yovavanyo kwiinkalo zezifundoequka wonke umfundi
uhlengahlengiso, kuqukwa amabakala ahlanganisiweyo neeklasi zeelwimi ezininzi
amalungiselelo okujonga ukuba unxibelelwano nabanye nokunika inkxaso kuhambe njani na emva komasifundisane (workshop)
Iimpendulo kwimibuzo nezinto ezixhalabisayo
|
4.3 |
|
Kunyanzelekile ukuba bacelwe abathathi-nxaxheba ukuba beze ne’promotional set’ yesikolo okanye iseti yabo abayisebenzisayo yeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo kwakunye nezixhobo zokubhala. Ezinye izinto zokunika inkxaso ezinjengesikhokelo seSebe leMfundo leNtshona Koloni sokuvelisa iiprogram zezifundo, ziya kufumaneka ekhosini. |
4.4 |
|
Kwenziwa amalungiselelo nee-EMDC oomasifundisane basemva kwemini abangee-nkalo zezifundo ezisi-8 ngethuba lekota yokuqala neyesibini. Izikhokelo kwinkalo yesifundo nganye, ezibandakanya izicwangciso zeziphumo zemigangatho yovavanyo ngokwefomathi ebonisa ukuqhubela phambili komfundi kwisigaba eso ziya kufumaneka kwaba masifundisane. |
5.1 |
|
Imihla, amaXesha neeNdawo Ikhosi yoqeqesho lootitshala kunye nekhosi yeekomiti zolawulo lwezikolo iya kwenziwa ngokwahlukeneyo kwiindawo ezingaphezu kwenye kwi-EMDC nganye. Simi ngolu hlobo isicwangciso soqeqesho sango-2004:
Iqela | Umhla | Lokuqala kwayo Ixesha | Lokuphela kwayo Ixesha |
I iKomiti zoLawulo IweZikolo
OoTishala
|
NgolwesiNe 1 Julayi & NgolweisHlanu 2 Julayi
OKANYE
NgoMvulo 19 Julayi &
NgolwesiBini 20 Julayi
NgoMvulo 5 Julayi &
NgolwesiBini - IwesiNe 6 - 8 Julayi &
NgolweisHlanu 9 Julayi
OKANYE
NgoMvulo 12 Julayi &
NgolwesiBini - LwesiNe 13 - 15 Julayi &
NgoLwesiHLanu 16 Julayi
|
08:30 Ubhaliso 09:00 08:00
08:30 Ubhaliso 09:00 08:00
08:30 Ubhaliso 09:00
08:00
08:00
08:30 Ubhaliso 09:00
08:00
08:00 |
16:30
13:00
16:30
13:00
16:30
16:30
13:00
16:30
16:30
13:00
|
I-EMDC nganye inesicwangciso sayo soqeqesho esiya kuthi siqinisekise ukuba zonke iinqununu nabo bonke ootitshala bafumana ithuba lokuya kuqeqesho. Malunga nemihla neendawo zoqeqesho, jonga kwisiHlomelo A. Ifom yobhaliso (IziHlomelo B no-C) kufuneka zithunyelwe ngokukhawuleza kwi-EMDC yakho, nanjengoko kuza kulungiselelwa ukutya abathathi-nxaxheba ababhalisileyo kuphela. |
5.2 |
|
Ezothutho ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kubabuyisela ngeendleko zabo zothutho abathathi-nxaxheba abaqeshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni abaya kwezona ndawo zikufuphi kubo kusetyenziswe amaxabiso entlawulo esebe. Nakuba kunjalo, bayacelwa ukuba abathathi-nxaxheba basebenzise isithuthi esinye, ukuba kunokwenzeka oku. Ngenxa yokunqongophala kwemali, ootitshala bezikolo ezizimeleyo nabo baqeshwe ngamabhunga olawulo ezikolo kufuneka bafune intlawulo kwizikolo zabo.
Amabango entlawulo aya kuzaliswa ekupheleni kwekhosi. Ukwenzela ukuba babe nokufaka amabango entlawulo, kufuneka abathathi-nxaxheba babe neenombolo zabo zengqesho (iinombolo zepesali), kunye nale ngcaciso ilandelayo:
- Abo bahamba ngezithuthi zabo: mabanike iinkcukacha zezithuthi, o.k.t. luhlobo luni lwesithuthi, unyaka esenziwe ngaye nobukhulu benjini (umz. 1300cc) kunye nerekhodi yeekhilomitha ezihanjiweyo (ekuqaleni nesekupheleni kohambo imini nganye.
- Izithuthi zikawonke-wonke: KUFUNEKA kungeniswe iirisithi zihambe nebango.
- Abakhweli-ziteksi: Ukuba akukhutshwa zirisithi, kufuneka abathathi-nxaxheba bangenise ingxelo efungelweyo (affidavit) ehamba kunye nebango necacise oku kulandelayo:
- Igama nenombolo yepesali
- Isikolo
- Indawo osuka kuyo nendawo ophela kuyo
- Ixabiso lohambo olunye
- Imihla obanga intlawulo yayo
- Isixa-mali esenzelwa ibango
- Nokuba ibikukuphela kwendlela yothutho ebikho kunye/okanye ibiyeyona ndlela ingenandleko ebifumaneka.
AKUKHO MABANGO ENTLAWULO AYA KUNGENISWA EMVA KOKUBA IDLULE IKHOSI. |
5.3 |
Ubhaliso Bayacelwa bonke ootitshala besiGaba esiPhakathi nee-SMT zezikolo ukuba babhalise kwangexesha kwii-EMDC zabo. Ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ngamalungiselelo okutya ngokufanelekileyo kwanamalungiselelo okucwangcisa ngamaziko, ubhaliso luvalwa nge-16:00 ngoMvulo we-19 Juni 2004.
Isidlo sasemini neti ziya kwenzela bonke abathathi-nxaxheba ababhalisileyo. Bakuba bebhalisile, kufuneka abathathi-nxaxheba bazigcine izithembiso zabo.
Kucetyiswa izikolo zincede nakanjani na ziqinisekise ukuba bonke ootitshala besiGaba esiPhakathi abakuzo b eza koomasifundisane abanye ukuze ukucwangcisela isiGaba esiPhakathi ngo-2005 kuqalwe kunye lelo qela lootitshala.
|
|
6. |
IZIHLOMELO Kuqhotyoshelwe ezi zihlomelo zilandelayo:
6.1 |
|
Isihlomelo A: Iindawo nolona lwimi luphambili lusetyenziswayo ekuqeqesheni |
|
7. |
ISIPHELO Ukuphunyezwa ngempumelelo kweNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo, njengekharityhulam kazwelonke kuxhomekeke ekuqondweni ngendlela efanayo kwekharityhulam kunye namalungiselelo aneleyo enziwa ngabaphathi bezikolo, ootitshala namagosa eSebe achaphazelekayo.
ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukugxininisa ukubaluleka kokuba kuziwe kwezi khosi ukuze sonke sibe nokulenza ngempumelelo utshintsho lwekharityhulam nokuphunyezwa kwayo okuya kuba yinzuzo kubo bonke abafundi bethu. Elokuqukumbela, eli Sebe linqwenela ukubulela iinqununu nootitshala ngenkxaso yabo ngokumalunga noku.
Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba ziqinisekise ukuba konke okuqulethwe yile setyhula kuthathelwa ingqalelo ngabo bonke ootitshala abachaphazelekayo.
|
ISAYINWE:NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:03:11
|