1. ISICWANGCISO SOKUGQIBELA SAMAXESHA OKUBHALA UVIWO
1.1 Esi sicwangciso samaxesha okubhala sifakwe apha soviwo lukaJuni 2004 lweMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 sifike sivela kwiSebe leMfundo likaZwelonke.
1.2 Uviwo luqala ngowama-1 Juni 2004 luze luphele ngowe-22 Juni 2004. Nganye inkalo yesifundo iya kubhalwa ukususela ngentsimbi ye-14:00 kuye kweye-17:00. Njengoko olu vavanyo iyinkqubo eyenzeka kuzwelonke, imihla namaxesha ayafana kwilizwe lonke yaye akusayi kuvunyelwa konke konke ukutenxa kwesi sicwangciso samaxesha okubhala.
1.3 Ukwenzela ukusingatha imibandela yezolawulo, kubalulekile ukuba abaphathi bamaziko oluntu babe kumaziko lawo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yovavanyo nganye.
1.4 Ukuba uvavanyo lwenzelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yoluntu makenze amalungiselelo kwangoko okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.
1.5 Abaphathi bamaziko makanike bonke abaviwa nootitshala isicwangciso samaxesha okubhala ukwenzela ukuba babe nako ukwenza izicwangciso zokugqibela zoviwo.
1.6 Abaphathi bamaziko mabakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa kwabo ukuba bahlalele iimviwo phambi kokuba kuqale iseshoni yovavanyo nganye.

2. UKUGADWA KWABAVIWA

Makancede amaziko aqinisekise ukuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa bawo baqeqeshiwe yaye bayakwazi ncam ukusingatha ngempumelelo ukuqhutywa koviwo.


3. UKUBEKWA ESWENI
3.1 Ukubekwa esweni kokubhalwa koviwo kuya kwenziwa, njengangaphambili, ngamagosa akwii-EMDC, ngamagosa akwaNdlunkulu nangabameli baka-UMALUSI.
3.2 Akukho mntu makavunyelwe ukuba angene kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo engaqalanga aveze ikhadi lokuzazisa elimgunyazisayo.

4. IZINTO NGOKUBANZI

Niyacelwa ukuba ninqwenelele bonke abaviwa impumelelo kwiimviwo zabo egameni leli Sebe leMfundo.



ISAYINWE:NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:03:11

Assessment Timetable: ABET Level 4  (ubukhulu: 12 KB)