1. UMphathiswa weMfundo, emva kokubhungisana neBhunga laBaphathiswa beMfundo, wenza isigqibo kunyaka ophelileyo ngokweSiqendu 3 (4) (l) soMthetho woMgaqo-nkqubo wezeMfundo kaZwelonke (National Education Policy Act) njengoko ufakelwe izilungiso kuMqulu 455 weGazethi kaRhulumente 24852 yowe-9 Meyi 2003 (Volume 455 of Government Gazette 24852 of 9 May 2003),  [ubukhulu: 111 KB]  sokuba umhla osikiweyo ofanayo kumaphondo onke wokuvalwa kobhaliso lwabaviwa namahlelo ezifundo mawube ngowe-15 Matshi kunyaka ngamnye woviwo.
2. Kucelwa nikhangele iSetyhula 0167/2003 enika umhla we-15 Matshi kunyaka ngamnye woviwo njengomhla wokuvalwa kobhaliselo loViwo lweMatriki.
3. Injongo yale setyhula kukugxininisa ngakumbi oko kuqulathwe kule setyhula sele ikhankanyiwe ngaphambili nokufakela imibandela ethile.
4. Kwimeko apho athi nawuphi na umviwa afune ukutshintsha uhlelo lwesifundo sakhe emva kowe-15 Matshi, kufuneka intloko yeziko lemfundo izalise ifom eqhotyoshelweyo ize iyingeniswe ihamba kunye namaxwebhu axhasayo (kubandakanywa nencwadi kagqirha apho kukho imfuneko yoku) icele isebe lemfundo ukuba litshintshe uhlelo lwesifundo lube lolo lufanelekileyo. Ikomiti yesebe lemfundo iya kuhlalela isicelo ngasinye ngoMeyi kunyaka ngamnye. Eli sebe linqwenela ukugxininisa into yokuba kuphela zizicelo zokutshintshwa kohlelo lwesifundo ezichaphazela iimeko ezingaqhelekanga kakhulu eziya kuthathelwa ingqalelo, kuze nalapho kuxhomekeke ekubeni izicelo ezo zenziwe ungekadluli umhla wama-30 Apreli waloo nyaka woviwo.
5. Abaviwa abenza utshintsho lwesifundo okanye lwehlelo olungagunyaziswanga abayi kunikwa siphumo sesifundo esichaphazelekayo. Baya kuvunyelwa ukuba bangenele iimviwo zokuxabangela (supplementary examinations) kweso sifundo/kolo hlelo balukhethileyo nezibhalwa ngoFebruwari/Matshi kunyaka olandelayo. Irhoxisiwe inkqubo ebisetyenziswa ngaphambili yokuzibamba iziphumo zezi zifundo zotshintsho lohlelo ngabafundi okungagunyaziswanga okweentsuku ezili-14.
6. Kukwagxininiswa kwakhona ukubaluleka kokugcina imigangatho yovavanyo echanekileyo ngawo onke amaxa kumaBakala 10 kuye ku-11 nokusebenzisa ezi mvavanyo ekwenzeni isigqibo sokugqibela malunga nezifundo nohlelo omalukhethwe ngumfundi.
7. Mazincede iintloko zamaziko emfundo zithathele ingqalelo into yokuba ukubeka isizathu sokuba umsebenzi uye usiba nzima okanye kubonakala ngathi umfundi angatshona kwihlelo eliphezulu akuyi kuthathwa njengemeko engaqhelekanga kakhulu yokutshintsha ubhaliso emva kwexesha elimisiweyo. Izicelo ezinjalo aziyi kwandlalwa phambi kwekomiti ukuba iziqwalasele.
8. Amaziko emfundo makaqinisekise ukuba kufundiswa, kufundwa yaye kuvavanywa ngokusemgangathweni kumaBakala 10 no-11 ukwenzela ukuba abafundi babe nako ukukhetha amahlelo afanelekileyo okubhalisela iimviwo zeMatriki. Ziyakhunjuzwa iintloko zamaziko emfundo ukuba amanqaku aphakathi kuka-100 no-159 kuhlelo oluphezulu ayatshintshwa ngoko nangoko umviwa aphumelele ngohlelo oluphakathi.
9. Ziyakhunjuzwa kwakhona iintloko zamaziko emfundo ukuba izigqibo zokutshintsha uhlelo mazenziwe sisikolo kuphela ngemvume epheleleyo yabazali. Kucelwa nikhangele ezi setyhula ngokumalunga noku 0223/2003, 0167/2003 no-0050/2001.


ISAYINWE:NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:03:05

ISICELO SOKUTSHINTSHA UHLELO KADE  (ubukhulu: 6 KB)