1. Intshayelelo
1.1 Ngo-2003 laye landa inani labafundi ababhala iimviwo zakwa-ABET zenqanaba 4. Siyavuyisana nabo bonke abachaphazelekayo ngeziphumo ezibe bhetele.
1.2 Ukungqinelana nomgaqo-nkqubo we-CASS wephondo, mabakhuthazwe abafundi ukuba bahlalele iimviwo zabo kuphela xa sebelungele uvavanyo.

2. Iimviwo
2.1 Ngo-2004 iSebe leMfundo leNtshona Koloni liza kunika kwakhona amathuba amabini kubafundi okubhala iimviwo zabo zikazwelonke. Olokuqala lwezi mviwo luya kuqalisa ngowoku-1 Juni 2004 luze olwesibini luqalise ngowesi-6 Oktobha 2004. Zombini ezi mviwo ziza kuba phantsi kweliso leSebe leMfundo leNtshona Koloni, leSebe leMfundo kaZwelonke kunye nelika-UMALUSI.
2.2 Izikhokelo zeenkalo zezifundo ezazihamba kunye neSetyhula 0075/2002 ziya kusebenza kuzo zombini iimviwo.
2.3 Ootitshala bacetyiswa ukuba basebenzise ezi zikhokelo, iingxelo zamagosa aziintloko amakisha amaphepha eemviwo zakwa-ABET ngo-2002 kunye namaphepha eemviwo angaphambili xa belungiselela abafundi babo iimviwo.

3. Uvavanyo rhoqo (CASS)
3.1 Ubungakanani bomsebenzi oza kuviwa : kwakhona uvavanyo rhoqo luza kuba yi-50 : 50 yaye ayakhuthazwa amaziko emfundo ukuba aqulunqe iiphothifoliyo zawo zovavanyo rhoqo.
3.2 I-ofisi kazwelonke kunye no-UMALUSI balindele ukuba amaphondo aqalise ngenkqubo ye-CASS ebonisa ulwazi lwabafundi. Kuya kusetyenziswa isikhokelo se-CASS sango-2002 kuvavanyo lwangoJuni nangoSeptemba.
3.3 Iiphothifoliyo zabafundi ubuncinane mazibe neengongoma ezintlanu eziya kwahluka enye kwenye yaye mazisusele kwisikhokelo seenkalo zezifundo. Ezi ngongoma mazingabi ziimvavanyo nje kuphela.
3.4 Amanqaku okuphela konyaka ayo yonke imisebenzi yeephothifoliyo makabhalwe njengepesenti (oko kuthi okufunyenwe ngumfundi kwinani lilonke lamanqaku elingu-100).
3.5 Amanqaku okuphela konyaka e-CASS kunye naweephothifoliyo aya kumodereyithwa ngabacebisi ngezekharityhulam bee-EMDC aze aqinisekiswe ngabephondo kunye nangamagosa ka-UMALUSI.
3.6 Luxanduva lukatitshala ukunika umfundi ngamnye amanqaku e-CASS kwanokuba abaphathi bamaziko baqinisekisa ukuba umfundi ngamnye okwiziko lemfundo loluntu unephothifoliyo ye-CASS kwinkalo yesifundo nganye.
3.7 Abaphathi bamaziko emfundo mabaqinisekise kwakhona ukuba ootitshala bayazigcina iirekhodi zazo zonke iimvavanyo kwiiphothifoliyo zootitshala.
3.8 Iiphothifoliyo zootitshala mazibe nayo yonke imisebenzi neentlobo zabo zovavanyo, namanqaku yaye abafundi mabaxelelwe ukuba baqhube njani (feedback).

4. Izinto ngokubanzi
4.1 Ukuba ngaba ufuna inkxaso, qhagamshelana nomnye waba bacebisi ngezekharityhulam bakwa-ABET balandelayo:
EMDCUmcebisi ngezeKharityhulam wakwa-ABET Ifoni
(yasemsebenzini)
Breede River/ Overberg
Metropole Central
Metropole East
Metropole North
Metropole South
South Cape/ Karoo

West Coast/ Winelands
Mr Joaniel Pieterse
Mr Moeain Arend
Mr Stephen Lategan
Ms Winnifred Taylor
Ms Zukiswa Ntontela (acting)
Mr Nigel Behardien (acting)
Mr Dirk Henry (acting)
Ms Lillian van Louw
023 348 4600
021 659 4344
021 900 7000
021 938 3000
021 370 2000
044 279 1681
023 415 2070
021 872 9288
4.2 Ukuba ufuna inkxaso engaphezulu qhagamshelana noMnu Parbhoo ngale nombolo yefoni (021) 467 2572 okanye nge-imeyili apha: J Parbhoo (jparbhoo@pgwc.gov.za).
4.3 Khangela kweli ziko lewebhu:
ABET Assessment (http://curriculum.wcape.school.za/site/19/page/view/59)
xa ufuna ezinye iinkcukacha ngale mibandela ilandelayo:
4.3.1 Iingxelo ngazo zonke iimviwo zangaphambili zika-ABET zikazwelonke
4.3.2 Zonke izikhokelo zeenkalo zezifundo zikaABET zenqanaba 4.
4.3.3 Iingongoma zovavanyo ezicetyiswayo zenkalo yesifundo nganye (eziveliswe liqela labacebisi ngezekharityhulam bakwa-ABET bephondo).
4.4 Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE:NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:02:27