1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lifuna ukwazisa izikolo ngommiselo yeSiqendu 38 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, uMthetho 84/1996, njengoko ufakelwe izilungiso. Apha eMzantsi Afrika uxanduva lusemntwini nakwiziko lemfundo elo lichaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba imigaqo esemthethweni iyalandelwa. Ngako oko ke iinqununu zezikolo noosihlalo bamabhunga olawulo ezikolo (SGB) mabaqinisekise ukuba bayayazi yonke imithetho, izilungiso ezenziweyo, imigaqo, imigaqo-nkqubo nemimiselo emalunga nokusebenza kwezikolo.
2. ISiqendu 38 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika sifundeka ngolu hlobo lulandelayo:

38[1] Ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente malicwangcise ibhajethi kunyaka ngamnye ngokwemimiselo emiselwe liLungu leBhunga eliLawulayo (uMphathiswa wePhondo) kwiGazethi yePhondo ebonisa ingeniso nenkcitho eqikelelweyo yesikolo yonyaka-mali olandelayo.

[2] Phambi kokuba kwamkelwe ibhajethi ekhankanywe kwisiqendwana [1] libhunga lolawulo, kufuneka yandlalwe phambi kwentlanganiso kawonke-wonke yabazali ebanjwa ubuncinane kwiintsuku ezingama-30 senziwe isaziso, ngenjongo yokuba iqwalaselwe ize yamkelwe ngokuvotelwa sisininzi sabazali abakhoyo nabanelungelo lokuvota.

[3] Kwakhona isaziso esikhankanywe kwisiqendwana [2] masazise abazali ukuba ibhajethi iya kufumaneka esikolweni, ngenjongo yokuba ihlolwe, ubuncinane kwiintsuku ezili-14 phambi kokubakho kwentlanganiso.

3. Kufuneka izikolo zilandele ngqo le mimiselo ikhankanywe apha ngasentla zingatyeki nakancinane kuyo. Kwikota yesine yesikolo ibhunga lolawulo ngalinye malilungise ibhajethi yalo yonyaka ozayo lize libambe intlanganiso yabazali bonke ukwenzela ukubanika ithuba lokuphonononga ibhajethi leyo.
4. Ubuncinane kwiintsuku ezingama-30 phambi kokubanjwa kwentlanganiso, ibhunga lolawulo malithumelele bonke abazali ileta yokubazisa
  • ngomhla, ixesha, indawo nenjongo yentlanganiso, nokuba

  • ibhajethi ecetywayo iya kufumaneka esikolweni ngenjongo yokuba ihlolwe ubuncinane kwiintsuku ezili-14 phambi komhla wentlanganiso.

5. Kule ntlanganiso abazali abakhoyo kufuneka bayamkele okanye benze isilungiso kwibhajethi ngokuvota.
6. Ziyakhunjuzwa iinqununu zezikolo noosihlalo bamabhunga olawulo ukuba ukungathotyelwa kwale mimiselo esemthethweni kukwaphula umthetho. Ukuba le mimiselo ayithotyelwa, konyanzeleka ukuba le nkqubo mayiphindwe ngokwemigaqo yeemfuno ezimiselweyo.
7. Nceda wazise bonke ootitshala nabasebenzi namalungu ebhunga lolawulo lesikolo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE:NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:02:18