1. Njengoko nisazi, kwenziwe isibonelelo sokunika iphakheji yokuqhawula inkonzo ootitshala nabasebenzi benkonzo karhulumente abangaphezu kwemfuneko. Ngokumalunga noku nceda ukhangele kwiMvumelwano eseMthethweni: INguqu noHlenga-hlengiso lwaBasebenzi beNkonzo kaRhulumente (IsiGqibo 7/2000). Ukwenzela ukukunika umfanekiso opheleleyo le setyhula mayifundwe kunye nezi Setyhula 116/2002 kunye nale 0008/2003 yowe-19 Septemba 2002 neyowesi-8 Januwari 2003 ngokulandelelanayo. (Ikopi yale Mvumelwano eseMthethweni yathunyelwa nale Setyhula 116/2002.)

2. Iimeko ekuza kuthi phantsi kwazo nemiqathango ekuza kuthi ngokungqinelana nayo kunikwe le phakheji yokuqhawula inkonzo iza kuthi ke ngoko ingqinelane nale Mvumelwano eseMthethweni ekhankanywe apha ngasentla.

QAPHELA OKU

  • Utitshala okanye umsebenzi wenkonzo karhulumente onikwe iphakheji akanako ukuqeshwa ngokusisigxina kwisithuba esikwisebe lemfundo lephondo okanye kwelinye isebe likarhulumente kwakunyaka wokuqala emva kokupheliswa kwenkonzo.

  • Lilungelo leSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuvuma okanye ukwala isicelo sokunikwa iphakheji yokuqhawula inkonzo yaye ngenxa yesi sizathu akukho titshala okanye gosa lenkonzo karhulumente linelungelo elingenakuchukunyiswa malunga nale phakheji yokuqhawula inkonzo.

2.1 Ootitshala abangaphezu kwemfuneko
2.1.1 Kuphela ngootitshala esele kuthiwe bangaphezu kwemfuneko ngokusemthethweni abaya kuqwalaselwa ngokumalunga nale phakheji yokuqhawula inkonzo.
2.1.2 Nakuba kunjalo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kukuthathela ingqalelo ukunika iphakheji yokuqhawula inkonzo utitshala ekuthiwe ungaphezu kwemfuneko ngethuba langaphambili lenkqubo yohlenga-hlengiso nothe, ngeli thuba, wathathwa kwisithuba esikhoyo esikolweni, kwimeko apho iprofayili yaloo titshala ingazanelisiyo iimfuno zekharityhulam yesikolo (umz. ititshala yomculo efundisa ngoku ezinye izifundo/amabakala/izigaba). Kwimeko elolu hlobo, inqununu kunye nebhunga lolawulo lesikolo kwakufuneka batsho ukuba kungasizathu sini na yaye kukangakanani na iprofayili yaloo ingazanelisi iimfuno zekharityhulam yesikolo.
2.1.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuba nako kwakhona ukuqwalasela ukunika iphakheji yokuqhawula inkonzo abo titshala bakwizithuba zonyuselo-sikhundleni ezingahlelwanga ngokomgaqo njengezithuba ezingaphezu kwemfuneko, kodwa babe bengaphezu kwenani lezithuba elabelwa isikolo eso. Aba titshala babandakanya, phakathi kwabanye, abo titshala abaqeshwa kwizithuba zonyuselo-sikhundleni ezabelwa izikolo ngethuba apho kwathi kwabalwa ngempazamo izithuba ze-ELSEN xa kwakubalwa inani lezithuba zonyuselo-sikhundleni ezaziza kwabelwa isikolo esithile. Nakuba kunjalo, mayigxininiswe into yokuba iya kuhlala ililungelo leSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuvuma okanye ukwala isicelo sokunikwa iphakheji yokuqhawulwa kwenkonzo.
2.2 Ootitshala abakwiipriprayimari
2.2.1 Ziya kuvunywa izicelo zokucela iphakheji yokuqhawulwa kwenkonzo zabo BONKE ootitshala abakwizikolo zepriprayimari ngaphandle kwezo zezo nqununu zezikolo ezizipriprayimari eziqhelekileyo zikarhulumente, zize izithuba ezishiyiweyo ngenxa yesizathu sokunikwa iiphakheji zipheliswe.
2.2.2 Kwindawo yesithuba esiphelisiweyo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuhlawula inkxaso-mali emiselweyo ngokwemimiselo ekhoyo ngoku elawula inkxaso-mali elolu hlobo.
2.3 Ootitshala abakwinani eliqingqiweyo lezithuba ezabelwe iziko (Ootitshala abakwizithuba ezivunyiweyo zeziko lemfundo)
2.3.1 Isicelo esivela kutitshala ongekho ngaphezu kwemfuneko, kodwa onqwenela ukushiya inkonzo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokuthi afumane iphakheji yokuqhawula inkonzo, siya kuqwalaselwa kuphela xa loo titshala enako ukutshintshana notitshala ongaphezu kwemfuneko okwinqanaba lesithuba elilinganayo nelo lakhe okwelo ziko lemfundo okanye okwelinye iziko lemfundo.
2.3.2 Utitshala okwinani eliqingqiweyo elikwisithuba esivunyiweyo onqwenela ukufaka isicelo sokunikwa iphakheji luxanduva lwakhe ukufuna utitshala ofanelekileyo ongaphezu kwemfuneko ngenjongo yokutshintshana naye.
2.3.3 Olu tshintshano lwenziwa ngokwemigqaliselo ekwiSetyhula 0074/2002.
2.3.4 Iinqununu namabhunga olawulo awo omabini amaziko emfundo makanike, emva kokuqwalasela nzulu ngokufanelekileyo iimfuno zekharityhulam zaloo maziko emfundo, imvume yawo yokuvuma olo tshintshano. Makuzaliswe ngokupheleleyo isihlomelo esichaphazelekayo size sisayinwe ngabo bonke abathathi-nxaxheba. (Khangela isiHlomelelo C: UkuTshitshana kooTitshala.)
2.4 Iinqununu

Ngumthetho ukuba iinqununu zingaze zibe ngaphezu kwemfuneko. Yiloo nto kuphela izinqununu ekuthiwe zingaphezu kwemfuneko ngenxa yesizathu sokuvalwa kwezikolo zazo ezingafaka izicelo zokunikwa iphakheji. Ncedani niqaphele ukuba iinqununu ezizikolo zazo zihlelwe ngokutsha nekuthe ke kolo hlelo lwesikolo saza satshintsha isikhundla senqununu, azifanelekile ukuba zinikwe iphakheji yokuqhawula inkonzo.

2.5 Abasebenzi benkonzo karhulumente

Bonke abasebenzi benkonzo karhulumente ekuthiwe bangaphezu kwemfuneko bafanelekile ukuba bayishiye inkonzo ngokuthi bathathe iphakheji yokuqhawula inkonzo. Ukutshintshana komsebenzi ongaphezu kwemfuneko nomnye umsebenzi ongekho ngaphezu kwemfuneko, ukwenzela ukuba umsebenzi ongekho ngaphezu kwemfuneko ayishiye inkonzo ngokuthatha iphakheji yokuqhawula inkonzo, kuya kuqwalaselwa ngokwezinto ezithethelela loo meko. Kuzo zonke iimeko ezinjengezi amaqela achaphazelekayo makanike imvume yawo ebhaliweyo yokuvuma olo tshintshano. Isihlomelo A kufuneka sisetyenziswe ngalendlela.


3. Umhla wokuvala ukwamkelwa kwezicelo

Umhla wokuvala ukwamkelwa kwezicelo ngowama-23Meyi 2003.


4. Umhla wokuphela kwenkonzo

Umhla wokuphela kwenkonzo uyakuxhomekeka kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni.


5. Amalungelo ephakheji yokuqhawula inkonzo

Amalungelo ahlawulwa abantu abashiya inkonzo ngokuthatha iphakheji yokuqhawula inkonzo angqinelana nezihlomelo ngezihlomelo eziqhotyoshelwe kwiMvumelwano eseMthethweni.


6. Inkqubo yokungeniswa kwezicelo zephakheji yokuqhawula inkonzo

Zonke izicelo zephakheji yokuqhawula inkonzo mazingqinwe (recommended) yinqununu nebhunga lolawulo, yaye xa kuyimeko yootitshala, mazithunyelwe kulo

Head: Education
Retirement Section (Educators)
Private Bag X9114
Cape Town
8000

Xa kuyimeko yabasebenzi benkonzo karhulumente, mazithunyelwe kulo

Head: Education
Retirement Section (Public Service Personnel)
Private Bag X9114
Cape Town
8000


7. Iikowuteshini

Izicelo zokucela ikowuteshini mazingeniswe zibhalwe kwisiHlomelelo D.


8. La maxwebhu alandelayo, aya kufunyanwa kuphela ngootitshala abafanelekileyo ukuba baqwalaselwe malunga nokunikwa iphakheji yokuqhawula inkonzo kwakwenziwa isicelo sawo, makangeniswe nesicelo sokunikwa iphakheji yokuqhawula inkonzo:
8.1 Isicelo sokunikwa iphakheji - umqeshwa ongaphezu kwemfuneko  (IsiHlomelo B)
8.2 Isicelo sokutshitshana nomnye - umqeshwa okwisithuba esivunyiweyo  (IsiHlomelo A / C)
8.3 Ileta ebhaliweyo evela kwiziko eliyibhanki lomenzi-sicelo engqina ukuba umenzi-sicelo sele egqibile ukuhlawula iGaranti kaRhulumente (Government Guarantee)  (IsiHlomelo E)
8.4 Ileta engqina inombolo yerhafu (tax number) yomqeshwa  (IsiHlomelo F)

QAPHELA OKU:  Sesinamava okuba ayingabo bonke abaqeshwa abangabarhafi ababhalisileyo (registered taxpayers). Oku kuyayilibazisa intlawulo yeemali zamalungelo. Ngako oko ke abaqeshwa abanqwenela ukwenza izicelo zephakheji yokuqhawula inkonzo mabaqinisekise ukuba bangabarhafi ababhalisileyo.

8.5 Ikopi yesazisi engqiniweyo (certified copy of identity document) (efunwa liSebe lezeMali: ICandelo loLawulo lweePenshini ePitoli ukuze kube nokuhlawulwa imali yamalungelo epenshini)
8.6 Ifom engu-WP 891 (yentlawulo yamalungelo epenshini)
8.7 Ifom engu-Z5831 (yesicelo sokuqhubeka ulilungu lengxowa yoncedo lwezonyango (medical aid fund)
8.8 Ifom engu-Z8941 (emayizaliswe yibhanki/yisosayethi yokwakha yomqeshi)
       

1 Iifomu ozifunayo ukuqhoshelisa umcimbi wephakheji yokuqhawulwa kwenkonzo ziza
   kuthunyelwa kuwe ngokukhawuleza sakuba isicelo sakho sivunyiwe.


9. Mazincede iintloko zamaziko emfundo nezamacandelo zingenise zonke izicelo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ngaphandle kokulibazisa.

10. Lithweswe INTLOKO YESEBE LEMFUNDO igunya lokuvuma/lokwala ukunika iphakheji yokuqhawula inkonzo.

11. Nceda uqaphele kwakhona umgqaliselo weMvumelwano eseMthethweni ekuthi ngokumalunga nawo abasebenzi abangaphezu kwemfuneko abangenzi zicelo kwizithuba ezivulekileyo okanye abangavumiyo ukusiwa kwezinye iindawo ngokwenkqubo yohlenga-hlengiso (redeployment process), bazibeke emngciphekweni wokugxothwa enkonzweni.

12. Nceda wazise bonke abaqeshwa kunye nabezolawulo bamaziko emfundo namacandelo okubhalwe kule setyhula ngenjongo yokuba bakuthathele ingqalelo.

13. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yakho.

ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:04:16

IsiHlomelo A / C:  APPLICATION FOR EXCHANGE FOR SEVERANGE PACKAGE PURPOSES  (ubukhulu: 7 KB)
IsiHlomelo B:  APPLICATION FOR A SEVERANCE PACKAGE  (ubukhulu: 9 KB)
IsiHlomelo C / A:  APPLICATION FOR EXCHANGE FOR SEVERANGE PACKAGE PURPOSES  (ubukhulu: 7 KB)
IsiHlomelo D:  REQUEST FOR A QUOTATION  (ubukhulu: 10 KB)
IsiHlomelo E:  CERTIFICATE FOR THE RELEASE OF THE GOVERNMENT GUARANTEE  (ubukhulu: 6 KB)
IsiHlomelo F:  CONFIRMATION OF TAX NUMBER  (ubukhulu: 6 KB)