Okulandelayo luludwe lweenyanga, iiveki neentsuku ezabelwe ezempilo. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zicwangcise iinkqubo zokufunda kunye/okanye imisebenzi yangaphandle kwamagumbi okufundisela ebandakanya abahlali nezi nzame zibaluleke kangaka zokuqatshelwa kwezigulo.

     Meyi               INyanga yeSistikhi Fayibrosisi (Cystic 
                        Fibrosis Month)
     12 Meyi            USuku lwaBongikazi lweHlabathi 
     19 - 23 Meyi       IVeki yoNyango lweZigulo eziFunyanwa 
                        kwiiNdawo zemiSebenzi
     8 - 14 Juni        IVeki yokuQatshelwa kweSigulo sokuFa iCala (Stroke)
     16 - 22 Juni       IVeki kaZwelonke yeSifo sokuXhuzula 
     Julayi             INyanga yokuQatshelwa kokuPhazamiseka 
                        ngokwaseNgqondweni 
     25 - 30 Agasti     IVeki yaBagogeke amaLungu oMzimba 
     1 - 7 Septemba     IVeki yokuQatshelwa kwabaziZithulu 
                        IVeki yeZigulo zamaLungu oMzimba 
     5 Septemba         USuku lwaBakhubazeke eMzimbeni 
     8 Septemba         USuku lweFiziyotheraphi lweHlabathi 
     9 Septemba         USuku lokuQatshelwa kweNgozi yoTywala 
                        kwiiMveku ezingekaZalwa 
     23 - 29 Septemba   IVeki yamaZwe ngamaZwe yokuQatshelwa 
                        kweRetina yaMehlo 
     9 Oktobha          USuku lweHlabathi lokuBona (Sight)
     13 - 17 Oktobha    IVeki yokuQatshelwa kokuNyamekelwa kwaMehlo
     20 -24 Oktobha     IVeki yokuQatshelwa kweDawuni Sindrom 
                        (Down Syndrome)
     10 - 15 Novemba    IVeki kaZwelonke yokuQatshelwa kweSifo 
                        seSwekile 
     3 Disemba          USuku lwamaZwe ngamaZwe lwaBakhubazekileyo

Nceda wazise bonke ootitshala nabafundi ngale mihla ukwenzela ukuba bayithathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:04:07