Okulandelayo luludwe lweenyanga, iiveki kunye neentsuku zezempilo. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zicwangcise imisebenzi yezemfundo enxulumene nezi nzame zibaluleke kangaka zokuqatshelwa kwezempilo. Iiprogram zezifundo zezoLwazi ngezoBomi, iiSayensi zeNdalo okanye ezoBugcisa neNkcubeko zingaba zezifanelekileyo.

    17 Aprili         USuku lweSigulo seThombo leGazi
    6 Meyi            USuku lweHlabathi lwe-Asma
    Juni              INyanga yokuKhuselwa kwaBantwana
    16 - 22 Juni      IVeki kaZwelonke yeSifo sokuXhuzula
    22 - 29 Juni      IVeki yokuQatshelwa kweZiyobisi
    Agasti            IVeki yezoCoceko loMlomo
    3 - 9 Agasti      IVeki kaZwelonke yokuQatshelwa kokuGonya
    11 - 15 Agasti    IVeki yokuThintelwa kweeNgozi zaBantwana 
    18 - 22 Agasti    IVeki yokuKhuthaza ezeMpilo eZikolweni
    Septemba          INyanga yokuQatshelwa kweSifo seNtliziyo
    2 - 6 Septemba    IVeki yeZikolo ye-Aids
    23 - 29 Septemba  IVeki yamaZwe ngamaZwe yokuKhathalelwa
                      kweRetina yaMehlo
    13 - 17 Oktobha   IVeki yokuQatshelwa kokuKhathalelwa kwaMehlo
    14 Novemba        USuku lweHlabathi lweSifo seSwekile 
    1 Decemba         USuku lweHlabathi lwe-Aids

Nceda uzise okuqulathwe yile mihla kwingqwalasela yabo bonke ootitshala.



ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:04:07