ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ukuqaphela indima edlalwa ngamakhosikazi kwilizwe lethu. Ukubonakalisa oku, eli Sebe liyalixhasa iBhaso likaShoprite Checkers -SABC2 lokuWonga iNkosikazi eGqwesileyo ngoNyaka ka-2003.

Ngako oko ke kucelwa bonke abasebenzi beSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba batyumbe nabani na oyinkosikazi abakholelwa ukuba ube ngonempumelelo eyodwa. Iinkcukacha zamahlelo ngamahlelo ala mabhaso zifumaneka kuledilesi www.shoprite.co.za/sawoman.

Umhla wokuvalwa kokungeniswa kwamagama atyunjiweyo ngowama-23 Meyi 2003. Amagama abo batyunjiweyo makathunyelwe ngqo kwidilesi enikwe kuxwebhu oluqhotyoshelweyo. Ziyafumaneka ezinye iifom zotyumbo (nomination forms) kuzo zonke iivenkile zakwaShoprite Checkers nezakwaCheckers Hyperstores. Ungayifumana kwakhona ingcaciso emalunga neli Bhaso lokuWonga kwaye uphinde uzalise ifom yokutyumba amagama uze uyingenise ngokusebenzisa ikhompyutha kweli ziko le-intanethi: www.shoprite.co.za/sawoman.

Nceda uqinisekise ukuba le ngcaciso idluliselwa nakwabanye.



ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:04:29