1. |
Umgcobo owaqalwa yi-UNESCO wokuvuyela uSuku lweeNcwadi kwiHlabathi Jikelele wenziwa minyaka le ngosuku lokuzalwa kuka-William Shakespeare. Ngalo we-2003 lo mgcobo uza kugxininisa ngakumbi kuLwesithathu wange-23 Apreli. |
2. |
Umxholo wolu suku ngulo, ABAHLOBO BENENE UBOMI BONKE (FRIENDS FOR LIFE), ubonisa ukwanda kokubaluleka kwezakhono zokwazi ukufunda kunye nemfuneko yokusebenzisa iintlobo ngeentlobo zezinto zokufunda ukuphumeza iKharityhulam 2005 ehlaziyiweyo. |
3. |
Iza kufumaneka iphowusta emabala-bala nequlethe intsingiselo enzulu ebonisa umoya wokuvuyela uSuku lweeNcwadi kwiHlabathi Jikelele nekufuneka izikolo zize kuyithatha kwezi EMDC zilandelayo: Metropole Central (Mowbray); Metropole North (Parow Teachers’ Centre); West Coast/Winelands (Paarl); South Cape/Karoo (George); Breede River/Overberg (Worcester); Metropole South (Lentegeur); Metropole East (Kuils River) nase-Oudtshoorn Teachers” Centre. |
4. |
Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zibonise ukungqina kwazo inzuzo efunyanwa ekufundeni ngokuthi zithathe inxaxheba ngomdla omkhulu kwezi zinto zokukhuthaza ukufunda ezenzelwa ukuvuyela uSuku lweeNcwadi kwiHlabathi Jikelele. |
ISAYINWE: R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:27
|