1. Le setyhula ihamba nomqulu onesethi yokuqala yamaxwebhu afakwa kwiFayile yoLwazi lokuFunda nokuBhala yeSebe leMfundo leNtshona Koloni, njengoko kuchaziwe kwiSetyhula 0068/2003 eyayikhapha loo fayili.

2. Lo mqulu kufuneka unikwe uMququzeleli woLwazi lokuFunda nokuBhala (Literacy Co-ordinator). Kukwakho kulo mqulu olu xwebhu “Umyalezo oya kuMququzeleli wobuChule bokuFunda nokuBhala” olunika isikhokelo malunga nala maxwebhu afakwa kwifayili, kwakunye nendlela yokukhuthaza ukwaziwa nokusetyenziswa kwale fayili omakulandele.

3. IiNtloko zamaziko eSebe leMfundo leNtshona Koloni ziyabongozwa ukuba maziqhubeke nokunika inkxaso nokwenza ihlale isebenza ithuba elide le projekthi.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:04:14


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).