UMphathiswa wezeMfundo, uProfesa Kader Asmal, wenze isimemo kuzo zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwimibhiyozo yoSuku lweNkululeko ngo-Apreli 2003. Njengoko olu suku lwangowama-27 Apreli 2003 lungeCawa, iSebe leMfundo likazwelonke licebise ukuba izikolo nootitshala bazimisele kwiziseko ezingundoqo (values) zomGaqo-siseko ngokuthi balungiselele imigcobo yokuqaqambisa ixabiso lenkululeko ngale nyanga ka-Apreli 2003. Le migcobo ingenziwa kumanqanaba ahlukeneyo: umzekelo, ootitshala bangacwangcisa izinto ezinokwenziwa eklasini, lo gama iikomiti zolawulo lwezikolo zinokulungiselela imigcobo enokubandakanya isikolo sonke, kuqukwa namabhunga olawulo ezikolo nabahlali. Umxholo obanzi walo nyaka ngulo, ‘yintoni intsingiselo yenkululeko kum nakwindawo endihlala kuyo’. Imigcobo mayibonise zonke okanye omnye wale mixholwana ilandelayo.

  • Inkululeko xa ithelekiswa nengcinezelo ukususela mandulo de kube ngoku kumazwekazi ngamazwekazi

  • UbuMi, iDemokhrasi nomGaqo-siseko

  • Inkululeko kwezentlalo neyomntu ngakomnye xa kuthelekiswa noxanduva lwakho ngakwabanye.

Ukwenzela ukukunceda malunga nale mixholo, iSebe leMfundo likazwelonke, ngokubambisana neKomiti yoMphathiswa ejongene neProjekthi yezeMbali yoMzantsi Afrika, livelise amaxwebhu ezemfundo aza kukunceda ekubeni uthathe inxaxheba kule mibhiyozo. La maxwebhu aza kukuchazela ngakumbi ngale mixholo yaye aphinde akucebise ngezinto onokuzenza eklasini okanye esikolweni Izinto onokuzenza eklasini zenziwe ngohlobo lokuba zibe yinxalenye yekharityhulam ingabi zizinto nje zokongezelela.

Lo mqulu wala maxwebhu uza kuthunyelwa kuwe ekupheleni kukaMatshi 2003. Ukuba ngaba awukawafumani phakathi ku-Apreli 2003, nceda qhagamshelana ne-EMDC yakho okanye umququzeleli wakho wephondo oza kukuncedisa ekufumaneni la maxwebhu.

Nazi iinkcukacha zoqhagamshelwano zabaququzeleli bephondo:

Nkos. G. Weldon
Umcebisi Oyintloko we - Zembali
Tel.:  021-4672251,  Fax:  021-4672258
gweldon@pgwc.gov.za

Nakuba uthatho-nxaxheba lungokuzithandela, siyathemba ukuba zonke izikolo ziza kuzama kangangoko zisebenzise eli thuba lokuba zibe yinxalenye yeli phulo lenziwa nguzwelonke.



ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:04:02


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).