1. Iziqendu ezithile zoMthetho weziKolo weloMzantsi Afrika, wowe-1996 (UMthetho 84 wowe-1996) neminye imithetho iyalungiswa ngokwemiqathango yomthetho olungisiweyo ongasentla. Oku kuthetha ukuba umthetho nomgaqo-nkqubo wephondo kuya kufuneka ukuba ulungelelaniswe. Umthetho nomgaqo-nkqubo owenziwe izilungiso niya kuwuthunyelwa kungekudala.
2. Niyacelwa ukuba ninike ingqwalasela eyodwa kwimiqathango yesiQendu 5 nese-15 salo mthetho wenziwe izilungiso, ozicatshulwa zawo zincanyathiselwe apha. Ngokwezi ziqendu kuye kwabekwa isithintelo esinqanda ukuba izenzo zokuqhelisa (initiation practices) zingaqhubeki kumaziko emfundo, yaye nengqwalasela yabafundi kufuneka ke ngoko itsalelwe ngokukuko kwiziphumo abaya kujongana nazo ukuba baye bathatha inxaxheba kwizenzo zokuqhelisa. Ngokunxulumene noku niyacelwa ukuba niqaphele imiqathango yeSetyhula 164/2001 yomhla we-19 kuDisemba 2001.
3. Iintloko namabhunga olawulo lwezikolo ayacelwa ukuba athathe amanyathelo ngokwemimiselo “Nemiqathango engqamene nokuziphatha kakubi kakhulu kwabafundi ezikolweni” (“Regulations relating to serious misconduct of learners at schools”) kwabo bafundi baye bafunyaniswa njengabanetyala lokuziphatha ngendlela engamkelekile ngokuphathelelene nesenzo sokuqhelisa, yaye ootitshala abathatha inxaxheba okanye abavumela izenzo ezinjalo ukuba ziqhubeke, kufuneka bohlwaywe ngokwemiqathango yomThetho oLawula ooTitshala (UMthetho 76/1998), (Employment Educators Act, 1998 (Act 76/1998)), njengoko ulungisiwe.
4. Ukongezelela, lo mqathango unika imvume kumfundi olixhoba lezenzo zokuqhelisa ukuba amangalele umntu okanye iqela labantu abaye bamnyanzela ukuba athathe inxaxheba kwizenzo zokuqhelisa ezilolo hlobo.
5. Izenzo zokuqhelisa zichazwa njengaso nasiphi na isenzo
  1. esibeka engozini ingqondo okanye impilo ngokwasemzimbeni okanye ukhuseleko lomntu.

  2. esisingela phantsi ukuxabiseka ngokwasemvelini kwabantu ngokuthi ube nokuphatha abanye njengabangaphantsi ngokobaluleko.

  3. esifaka abathile kwizenzo ezithoba isidima sabanye nanto ke leyo esingela phantsi ingqinisekiso ekumgaqo-siseko yokuhlonitshwa kwamalungelo oluntu ngokwesiBhengezo samaLungelo oLuntu (Bill of Rights).

  4. esisingela phantsi amalungelo angundoqo neziseko zentlalo (values) ekusekelwe kuzo uMgaqo-siseko.

  5. esithintela ukuphuhliswa komoya woqobo wedemokhrasi (true democratic culture) onika umntu ngamnye ilungelo lokuba aphathwe ngentlonipho nenkathalo.

  6. esonakalisa okanye sitshabalalise izinto zabantu okanye ezabucala (public or private property).

6. Ukushwankathela, izenzo zokuqhelisa azivumelekile yaye ukuthatha inxaxheba kwabafundi kunye/okanye ootitshala kwizenzo ezinjalo kuya kukhokelela ekuthathweni kwamanyathelo oluleko kumfundi okanye utitshala lowo. Ukongezelela, namphi na umfundi okuye kwenziwa uqhelaniso kuye angammangalela loo mntu okanye elo qela labantu abaye banyanzelisa isenzo eso soqhelaniso.
7. Nceda wazise iziqulatho zale setyhula kwingqwalasela yabo bonke abasebenzi namalungu ebhunga lolawulo lwezikolo.

ISAYINWE: NGU- J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:01:16