1. ISICWANGCISO SAMAXESHA OKUBHALA

1.1 Esi sicwangciso samaxesha okubhala sifakwe apha sovavanyo oluqhuphayo (summative) lweMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 lwangoMeyi nangoJuni 2003 sifike sivela kwiSebe leMfundo likaZwelonke.
1.2 Uvavanyo oluqhuphayo luqala ngowama-26 Meyi 2003 luze luphele ngowe-12 Juni 2003. Nganye inkalo yesifundo iya kubhalwa ukususela ngentsimbi ye-14:00 kuye kweye-17:00. Njengoko olu vavanyo iyinkqubo eyenzeka kuzwelonke, imihla namaxesha ayafana kwilizwe lonke yaye akusayi kuvunyelwa konke konke ukutenxa kwesi sicwangciso samaxesha okubhala.
1.3 Ukwenzela ukusingatha imibandela yezolawulo, kubalulekile ukuba abaphathi bamaziko oluntu babe kumaziko lawo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yovavanyo nganye.
1.4 Ukuba uvavanyo lwenzelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yoluntu makenze amalungiselelo kwangoko okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.
1.5 Amaziko makanike bonke abaviwa nootitshala isicwangciso samaxesha okubhala ukwenzela ukuba babe nako ukwenza izicwangciso zokugqibela zovavanyo oluquphayo.
1.6 Abaphathi bamaziko mabakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa kwabo okokuba bahlalele iimviwo phambi kokuba kuqale iseshoni yovavanyo nganye.
2. IMATHEMATIKA

Soos in Junie 2002, sal die WGWWW-vraestel uit twee afdelings bestaan. Slegs Wiskundige Geletterdheid word in afdeling A geëksamineer en kandidate wat hierdie afdeling slaag, sal die 16 fundamentele krediete ontvang. Wiskunde en Wiskundige Wetenskap word in afdeling B geëksamineer en kandidate wat hierdie afdeling slaag, sal 13 krediete ontvang.

3. ALGEMEEN

Njengango-2002, iphepha lemibuzo le-MLMMS liya kuba namacandelo amabini. Kuya kuvavanywa kuphela uLwazi lweMathematika kwiCandelo A yaye abaviwa abaliphumelelayo eli candelo baya kufumana iikhredithi ezingundoqo ezili-16. Imathematika neeSayensi zeMathematika ziya kuvavanywa kwiCandelo B yaye abaviwa abaliphumelelayo eli candelo baya kufumana iikhredithi ezili-13.



ISAYINWE: A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:31

Isiqhagmshelo: Assessment timetable  (ubukhulu: 9 KB)