1. Intshayelelo
1.1 Kulo nyaka uphelileyo liye landa inani labafundi abahlalela iimviwo kwinqanaba 4 nabo baphumelele iimviwo. Siyavuyisana nabo bonke abachaphazelekayo ngeziphumo ezibe bhetele ngowe-2002.
1.2 ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukukhuthaza abafundi ukuba bahlalele iimviwo zabo kuphela xa sebelungele ukuvavanywa, ngokungqinelana nemigaqo-nkqubo ye-CASS ye-ofisi yephondo.
1.3 INqanaba 2 liza kujolisa ngakumbi kwezi zifundo ziphambili, uLwimi, uLwazi lokuFunda nokuBhala noNxibelelwano kwakunye noLwazi lokuBala.
1.4 Bayacelwa ootitshala ukuba baye yaye bathathe inxaxheba ebonakalayo kwiindibano zoomasifundisane nakwiintlanganiso eziququzelelwa ngamagosa ee-EMDC.

2. Iimviwo
2.1 Ngowe-2003 iSebe leMfundo leNtshona Koloni liza kunika kwakhona amathuba ade abe mabini okuba abafundi bahlalele iimviwo zabo. Zombini ezi mviwo ziya kuba ziimviwo zikazwelonke eziya kuba phantsi kweliso leSebe leMfundo leNtshona Koloni, eleSebe leMfundo kaZwelonke kunye nelika-UMALUSI.
2.2 Iimviwo zikaMeyi/Juni ziqalisa ngomhla wama-26 Meyi zize ezikaSeptemba/Oktobha ziqalise ngomhla wama-29 Septemba 2003.
2.3 Izikhokelo zeenkalo zezifundo ezazihamba kunye neSetyhula 0075/2002 ziya kusebenza kuzo zombini iimviwo.
2.4 Ootitshala bacetyiswa ukuba basebenzise ezi zikhokelo, iingxelo zegosa eliyintloko elijongene nokumakishwa kwamaphepha eemviwo akwa-ABET ngo-2002 kunye namaphepha eemviwo angaphambili xa belungiselela abafundi babo iimviwo.

3. Uvavanyo rhoqo (CASS)
3.1 Ubungakanani bomsebenzi oza kuviwa : kwakhona uvavanyo qho luza kuba yi-50 : 50 yaye ayakhuthazwa amaziko emfundo ukuba aqulunqe iiphothifoliyo zawo zovavanyo rhoqo. Indlela emayenziwe ngayo iphothifoliyo iboniswe kwiSihlomelo A seSetyhula 0075/2002.
3.2 I-ofisi kazwelonke kunye no-UMALUSI bafuna ukuba amaphondo aqalise ngenkqubo ye-CASS ebonisa ubugcisa babafundi. Isikhokelo se-CASS sowe-2002 siya kusetyenziswa kuvavanyo lwangoJuni nangoSeptemba.
3.3 Ngokumalunga noku, iSebe leMfundo leNtshona Koloni licebisa ukuba iphothifoliyo ubuncinane ibe nezi ngongoma zine.
3.4 Ezi ngongoma mazahluke enye kwenye yaye zisusele kwizikhokelo zeenkalo zezifundo. Akukho mfuneko yokuba ezi ngongoma zibe ziimvavanyo nje kuphela.
3.5 Amanqaku okuphela konyaka ayo yonke imisebenzi yeephothifoliyo makabhalwe njengepesenti (oko kuthi okufunyenwe ngumfundi kwinani lilonke lamanqaku elingu-100).
3.6 Amanqaku ewonke e-CASS kunye neephothifoliyo ziya kumodereyithwa ngabacebisi ngezekharityhulam bee-EMDC aze aqinisekiswe ngabephondo, nguzwelonke kunye namagosa ka-UMALUSI.
3.7 Luxanduva lukatitshala ukunika umfundi ngamnye amanqaku e-CASS kwanokuthi abaphathi bamaziko babe nokuqinisekisa ukuba umfundi ngamnye okwiziko lemfundo loluntu unephothifoliyo ye-CASS.
3.8 Abaphathi bamaziko emfundo kananjalo mabaqinisekise ukuba ootitshala bayazigcina iirekhodi zazo zonke iimvavanyo kwiiphothifoliyo zootitshala.
3.9 Iiphothifoliyo zootitshala mazibe nayo yonke imisebenzi nezixhobo zabo zovavanyo, namanqaku yaye abafundi mabaxelelwe ukuba baqhube njani (feedback).

4. IMathematika
4.1 Ngowe-2002 isebe lemfundo likazwelonke lathatha isigqibo sokuba lahlula-hlule uLwazi ngezeMathematika, iiMathematika neeSayensi zeMathematika lube zezi nkalo zezifundo zimbini zilandelayo:

      (a) ULwazi ngezeMathematika (ML)

      (b) IMathematika neeSayensi zeMathematika (MMS)

4.2 I-ML yeyona nkalo yesifundo esisiseko (yenyanzelekileyo) yaye ineekhredithi ezili-16. I-MMS ineekhredithi ezili-13 yaye ikhethwa ngokuzithandela komfundi.
4.3 Ukususela ngowe-2003 aza kwahlukana amaphepha eemviwo e-ML ne-MMS, iphepha ngalinye liya kuba namanqaku ali-100.
4.4 Abafundi ababhalisela zombini i-ML ne-MMS kufuneka babe nephothifoliyo yenkalo yesifundo nganye.

5. Izinto ngokubanzi
5.1 Inkxaso inokufumaneka kubacebisi ngezekharityhulam bakwa-ABET nakubacebisi ngezekharityhulam beenkalo zesifundo ngasinye ngokunxulumene ne-EMDC leyo.
5.2

Ungaqhagamshelana nabacebisi ngezekharityhulam bakwa-ABET kwezi nombolo zefoni:

EMDCABET Curriculum AdvisorTelephone (work)
Breede River - OverbergMr Joaniel Pieterse023 - 348 4600
Metropole CentralMr Moeain Arend (acting)021 - 659 4344
Metropole EastMr Stephen Lategan021 - 946 4602
Metropole NorthMs Winifred Taylor021 - 948 0950
Metropole SouthMs Portia Mbude-Mutshekwane021 - 370 2000
Southern Cape - KarooMr Jewel Jonkers044 - 873 6128
West Coast - Winelands(CCA) Mr Pierre Boonzaaier021 - 872 9288
5.3 Ukuba ufuna inkxaso engaphezulu nceda qhagamshelana noMnu Parbhoo ngale nombolo yefoni (021) 467 2572 okanye nge-imeyili apha: jparbhoo@pgwc.gov.za.
5.4 Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:19

kwiSihlomelo A: Recommended CASS activities for ABET level 4 for 2002;  Portfolio guideline;  CASS moderation tool for curriculum advisors  (ubukhulu: 34 KB)