1. UMphathiswa weMfundo kaZwelonke ubhengeze isicwangciso esihlaziyiweyo sokuqaliswa kweNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement - NCS) kwizikolo zeCandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training (FET) Band). Ngokwesicwangciso esihlaziyiweyo, iNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke iya kuqala kwiBakala 10 ngo-2006 ize idlulele kwiBakala 11 ngo-2007 nakwiBakala 12 ngo-2008.

2. Kungekudala izikolo ziza kufumana la maxwebhu alandelayo okuzixhasa kwiinzame zazo zokuxhasa ngamandla le nkqubo neeprogram zophuhliso.
2.1 Ikopi yengxelo yenkomfa ye-FET yakutsha nje
2.2 Ividiyo neentetho ezenziwa kule nkomfa

3. Iibrowusha zengcaciso ze-FET ezilungiselelwe abazali zanikwa ababekule nkomfa. Izikolo ezingazange zize kule nkomfa maziqhagamshelane ne-EMDC yazo ukwenzela ukufumana iikopi zala maxwebhu. Abazali namabhunga olawulo ngabathathi-nxaxheba ababaluleke kakhulu ngeli thuba lokucacisa kwakhona ikharityhulam yaye kufuneka baxelelwe qho ngezinto eziqhubekayo ezingeenkcukacha zomgaqo-nkqubo oya ucaca nangeengxoxo eziqhubekayo.

4. Kule kota izayo izikolo ziza kufumana ezi zinto zilandelayo:
4.1 IKhithi yesiCwangciso seFET soKwazi ukuPhumeza iNguqu esisusela kwizimvo ezinikwe zikomiti ngethuba lenkomfa ebezicelwe ukuba zihlahle indlela eya phambili yezikolo
4.2 Imiqulu enika ingcaciso ngesifundo ngasinye sezifundo ze-NCS ebonisa iimpawu eziphambili zezifundo, iindleko zokuqalisa ezi zifundo, iindleko zokuziqhuba, amabanga emfundo ootitshala nenye ingcaciso engaluncedo ezikolweni njengoko ziphengulula ulwazi ngezifundo ukuze zizongeze kwiikharityhula zazo
4.3 Ingcaciso yamva nje emalunga noku:
4.3.1 Iishedyuli zethuba elikufutshane (short term) (umz. uza kwaziswa nini umgaqo-siseko)
4.3.2 Ezinye izifundo eziza kuveliswa
4.3.3 Izicwangciso zoqeqesho lootitshala
4.4 Iinkqubo nemimiselo, kubandakanywa iishedyuli, eyenzelwe izikolo ezifuna ukuyeka izifundo ezithile nokufaka ezinye

5. Mayigxininiswe into yokuba ukwandiswa kweli thuba lokulungiselela utshintsho akuthethi kuthi makuyekelelwe umxakatho. Ngamnye umzuzu weli thuba lokulungiselela utshintsho mawusetyenziselwe ukucwangcisela okulindeleke kwithuba elikufutshane nakwithuba elingekude kakhulu (short- and medium-term planning), uphuhliso lootitshala (staff development), ukucwangcisela isithili, inkxaso nengcebiso enikwa ootitshala nokuxhasa ngamandla iinkqubo ezikhoyo (advocacy).

6. Elinye lawona mathuba mahle abonelelwayo ngoku, ngenxa yeli thuba longeziweyo, kukuba izikolo ziphucule iiprogram zazo zophuhliso lootitshala njengeengcali zokufundisa imfundo ejolise kwiziphumo (OBE). Ukongezwa kweli thuba lokulungiselela utshintsho kunika ngakumbi amathuba kootitshala ukuba bakhe bahlolisise iindlela zokufundisa imfundo ejolise kwiziphumo (methodology of OBE) lo gama basebenza ngemixholo neesilabhasi eziqhelekileyo.
6.1 Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba iSetyhula 55/2002 yabhengeza ukuqaliswa ngokommiselo kwe-OBE kwicandelo le-FET.
6.2 Ziyakhunjuzwa kwakhona iinqununu ngexabiso lamaxwebhu anikwa izikolo ukwenzela ukuxhasa ukufundiswa kwabafundi beBakala 10 ngo-2003.
6.3 Kuza kulungiswa amaxwebhu akwanjengala nezikhokelo zovavanyo ukwenzela ukuxhasa ukufundisa neeprogram zokunika inkxaso kulo lonke icandelo le-FET de kuqaliswe i-NCS kwiBakala 10 ngo-2006.

7. Kwenziwa isibongozo kule nkomfa ye-FET sokucela uqeqesho lweenqununu kwezolawulo. Yinjonjo yeli Sebe leMfundo ukusiqwalasela nzulu esi sibongozo yaye lijonge ekusingatheni kunye ngempumelelo izinto ezintsha kwiCandelo le-FET nezathi zavakaliswa ngeli xesha lenkomfa.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:24