1. Ukuthunyelwa kweFayile enguVimba woLwazi lokuFunda nokuBhala

Le setyhula ithunyelwa kunye neFayile enguVimba woLwazi lokuFunda nokuBhala. Ezi fayile zithunyelelwa onke amaziko emfundo eSebe leMfundo leNtshona Koloni kunye nabantu abafanelekileyo ukuba bayifumane abakwii-EMDC. Kuza kulandela ngeposi umqulu wezinto ngezinto ezishicilelweyo emazifakwe kuyo.


2. Injongo yeFayile engVimba woLwazi lokuFunda nokuBhala

Kujongwe ukuba le Fayili enguVimba woLwazi ibe yingqokelela eya kuya ikhula ngokukhula yezinto eziyinzuzo zokuxhasa ootitshala nabasebenzi abakwii-EMDC, nenjongo yayo ikukuphucula imigangatho namanqanaba olwazi lokufunda nokubhala. Ukwenzela ukwakha uvimba oqhamileyo nophuphuma zizinto zokunika ulwazi, okuqulathwe yile fayili kuza kumana kusongezelelwa qho ngekota ngezinto zokufunda ezifanele le njongo.


3. Ukusetyenziswa ngempumelelo kwale Fayile enguVimba woLwazi
3.1 Njengoko iintloko zamaziko emfundo luphezu kwazo uxanduva lokuphendula ngemicimbi yekharityhulam kumaziko emfundo azo, ziyacelwa ukuba zityumbe omnye wootitshala njengomququzeleli wolwazi lokufunda nokubhala. Kuza kuba luxanduva nomsebenzi walo mntu ukugcina le fayili nokukhuthaza ootitshala ukuba bayisebenzise nokubaxelela ngezinto ezilapho kuyo. Le fayile mayibe nokufumaneka kubo bonke ootitshala ukwenzela ukuba ibancede ekwazini nasekuphuculeni iindlela zokuxhobisa ngezakhono zolwazi lokufunda nokubhala kwelo ziko lemfundo.
3.2 Lo mququzeleli wolwazi lokufunda nokubhala uza kwamkela ezi zinto zilandelayo:
  • Ifayile enamaphetshana asi-8 okwahlula-hlula

  • Umqulu wokuqala wezinto eziza kufakwa kwifayile leyo eziza kulandela zithunyelwa ngeposi. Le pasile iza kubandakanywa ileta ebhalelwe loo Mququzeleli woLwazi lokuFunda nokuBhala, iphepha lesalathiso lefayile noluhlu lwamanqaku njengoko kubonisiwe kwisalathiso.

3.3 Inkxaso emalunga nokusetyenziswa kwale fayile nokuphucula izakhono zolwazi lokufunda nokubhala iza kunikwa zii-EMDC. Ingcebiso malunga noku ingafumaneka kwaba Baququzeleli boLwazi lokuFunda nokuBhala bezi-EMDC zilandelayo:
 Central:                 Mr G Davids       021 659 4423
 East:                    Ms E Solomon      021 903 1729
 North:                   Ms J Caroto       021 930 2100
 South:                   Ms J Leukes       021 370 2044
                          Ms C Nissen       021 782 6102
                          Ms M Kwinana      021 372 2770
 Breede River/Overberg:   Ms M Siddle       023 342 8993
 Southern Cape/Karoo:     Ms C du Plessis   044 690 4007 
 West Coast/Winelands:    Ms J Baadjies     021 860 1212

Ziyabongozwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zincede ziyixhase le projekthi.



ISAYINWE:NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:14


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).