1. Ingcaciso emfutshane

Le setyhula ihamba kunye neFayile enguVimba yeKharityhulam eBandakanya wonke uMfundi enikwa onke amaziko emfundo liSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuncedisa ootitshala ekuphumezeni okuqulathwe kolu xwebhu Education White Paper 6: Special Needs Education, Building an Inclusive Education and Training System, July 2001.


2. IFayili enguVimba weKharityhulam eBandakanya wonke uMfundi

Nganye ifayili iza kuba nezi zinto zilandelayo:

2.1 IfayIli eyiliva atshi (lever arch) eza kuba neqweqwe langaphezulu
2.2 Izahluli zefayili ezithandathu
2.3 Isethi yamaxwebhu ashicilelweyo, eyiModyuli 1, ebandakanya oku kulandelayo:
2.3.1 Ukwaziswa kweMfundo eBandakanya wonke umfundi (An Introduction to Inclusive Education)
2.3.2 Ingcaciso ngeZithintelo zeMfundo (Background to the Barriers to Learning)
2.3.3 Indlela yokufikelela kwingcaciso ekwiKharityhulam (Accessing the Inclusive Curriculum)
2.3.4 Ukwazi ukunika inkxaso (Managing support)
2.4 Ikopi yesiKhokelo soVavanyo (Assessment Guidelines) seKharityhulam 2005.

3. Injongo nokwazi ukusebenzisa le fayili ngempumelelo

Ngalinye iziko lemfundo kufuneka libe nomququzeleli ekuya kuba luxanduva nomsebenzi wakhe ukugcina le fayili nokukhuthaza ootitshala ukuba bayisebenzise kwaye abaxelele ngezinto ezilapho kuyo. Kufuneka le fayile ibe ngumthombo wolwazi oluluncedo ngokukodwa nomana ukhangelwa qho ngootitshala abafuna uncedo ekuhlangabezeni neemfuno zabafundi abafumana izithintelo nobunzima ekufundeni. Le fayili mayifumaneke kubo bonke ootitshala xa befumana uqeqesho malunga neNgcaciso yeKharityhulam eHlaziyiweyo kaZwelonke neMfundo eBandakanya wonke uMfundi.


4. Iimodyuli zexesha elizayo zeFayili enguVimba weKharityhulam eBandakanya wonke uMfundi

Izikolo ziza kuthi qho zifumane ezinye iimodyuli. Ezi modyuli ziya kubandakanya iingcebiso ngezinto ongazenza kwanendlela ongazenza ngayo ukulungiselela imfundo ebandakanya wonke umfundi.


5. Inkxaso

Izikolo zingaqhagamshelana nee-EMDC xa zifuna inkxaso nengcebiso engaphezulu.


6. Amaziko ewebhu1

Xa ufuna ingcaciso engaphezulu malunga nale fayile nemfundo ebandakanya wonke umfundi ngokubanzi, ootitshala mabavule la maxwebhu IMfundo eBandakanya wonke uMfundi (Inclusive Education) nolu IZithintelo zeMfundo (Barriers to Learning) kumaphepha ewebhu kwiZiko leWebhu loPhuhliso lweKharityhulam afumaneka apha

http://curriculum.wcape.school.za/site/40/page/view/

http://curriculum.wcape.school.za.go/barriers



ISAYINWE:NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:17

1 Note that Section 6 of this circular has been adapted for use via the Internet.


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).