1. Indlela yonxibelelwano yokuququzelela, yokulawula, yokungiselela nokubeka esweni amakhuphiswano kunye/okanye iminyhadala yomculo kwizikolo zikarhulumente eMzantsi Afrika kunye nemihlaba eza kufikelelwa neenjongo zale ndlela yonxibelelwano zapapashwa kwiSaziso sikaRhulumente No. 21697. Yonke imigcobo yomculo wezikolo mayiququzelelwe ngokungqinelana nale ndlela yonxibelelwano.

2. Kusekwe ikomiti yokuququzelela yephondo eza kuququzelela ilawule iiprojekthi zomculo zephondo ngokususela kule ndlela yonxibelelwano. Le komiti iya kwenziwa ngabameli bemibutho yootitshala kunye nabemibutho yomculo eyaziwayo kwanabameli bamaqela abantu abanomdla emculweni abaququzelela amakhuphiswano neminyhadala yomculo wezikolo eziziprayimari nezizisekondari.

3. Zine iiprojekthi zikazwelonke ezikhethelwe ukuphumeza le ndlela yonxibelelwano:
  1. Umnyhadala wonyaka oqhutyhwa kwizwelonke i-Tirisano Schools Choral Eisteddfod ehlanganyelwe liSebe leMfundo likaZwelonke ne-First National Bank;

  2. UmNyhadala weeKwayala oqhutyhwa kwizwelonke qho ngonyaka wezikolo eziziprayimari nezizisekondari;

  3. Amakhuphiswano neminyhadala yonyaka yomculo weentambula;

  4. Iiprogram zophando nophuhliso kwimfundo ngezomculo.


4. Kungekudala izikolo ziza kunikwa iinkcukacha zika-Tirisano Schools' Choral Eisteddfod. Uluhlu lwamaculo ekuza kukhutshiswana ngawo kunye nemigaqo yale Eisteddfod ifumaneka kwiziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED's website).

5. Amakhuphiswano eekwayala kwinqanaba lee-EMDC aza kubanjwa ngezi nyanga Apreli noMeyi 2003 yaye kujongwe ukuba umjikelo wokugqibela wephondo ubanjwe ukususela kowama-29 Meyi kuye kowoku-1 Juni 2003. Iikwayala eziphumeleleyo ziya kumela amaphondo azo kukhuphiswano lukazwelonke lweentshatsheli oluya kususela kowe-10 kuye kowe-13 Julayi 2003.

6. Ziyakhuthazwa ngamandla zonke izikolo ukuba zithathe inxanxeba kule Eisteddfod.

7. Kuqhotyoshelwe apha ikopi yale ndlela yonxibelelwano. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise bonke abachaphazelekayo ngale ndlela yonxibelelwano kunye nangoku kubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:09:30

Protocol document  (ubukhulu: 32 KB)