1. |
Uyacelwa ukuba uthathele ingqalelo inqaku leendaba elavela kwi ntatheli apho kwakusaziswa abantu abapenshileyo ukuba kukho isityhwentywe semali ethe yakho kwingxowa-mali yepenshini ngenxa yoMthetho oFakela iZilungiso kuMthetho weNgxowa-mali yePenshini, uMthetho 39/2001, nokuba le mali iza kwabelwa amalungu nabo babesakuba ngamalungu engxowa-mali leyo. |
2. |
Emva kokufumana iqela lemibuzo efuna ingcaciso evela kootitshala, iSebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukungqina into yokuba lo Mthetho ukhankanywe apha ngasentla awusebenzi kwiingxowa-mali ezingabhaliswanga ngokoMthetho weNgxowa-mali yePenshini. Ngako oko ke abaqeshwa beNkonzo kaRhulumente abangamalungu eNgxowa-mali yePenshini yaBaqeshwa bakaRhulumente nelawulwa nguMthetho wePenshini yaBaqeshwa bakaRhulumente wowe-1996 ababandakanywanga kumalungelo akhankanywe kweli nqaku leendaba. |
3. |
Uyacelwa ukuba uncede wazise bonke abasebenzi abalapho okubhalwe kule setyhula. |
4. |
Siya kuyivuyela kakhulu intsebenziswano yakho ngokumalunga noku. |
ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:12
|