1. Le khalenda ithunyelelwa zonke izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ukwenzela ukukhuthaza ukuqatshelwa kwelifa eliyinkcubeko yethu eMzantsi Afrika. Ihambelana neprojekthi yeMigaqo enguNdoqo kwezeMfundo yeSebe leMfundo likazwelonke eyaqaliswa ngo-2002.

2. Iintsuku zeNkolo yesiNtu e-Afrika aziboniswanga kule khalenda njengoko zingadityaniswa neentsuku zekhalenda, kuloko zidityaniswa namaxesha, imihla yokuzalwa, yokufa neyemingcwabo.

3. Naziphi na iimposiso okanye izinto eziboniswe gwenxa azenziwanga ngabom. Nceda qhagamshelana noNksk BJ Prince apha (021) 4672589 (Room 834, Grand Central Towers, Cape Town) okanye bprince@pgwc.gov.za ukuba unqwenela ukuvakalisa izimvo malunga nale khalenda okanye unazo naziphi na iingcebiso malunga neekhalenda zexesha elizayo.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:11


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).