1. Ithuba lokuphunyezwa kweMvumelwano eseMthethweni: INguqu noHlenga-hlengiso lweNkonzo kaRhulumente (echazwe kwiziGqibo 7 no-8 zowe-2002 zeBhunga leNkonzo kaRhulumente loThetha-thethwano neMibutho yabaSebenzi -iPSCBC) liphelelwa nge-13 Juni 2003, kodwa ke eli xesha lingahlehliswa ngeenyanga ezintathu.
2. Onke amaziko emfundo analo ngoku inani elivunyiweyo labasebenzi ababelwe wona ngo-2003 ekuthi ke ngenxa yoku kufuneke ukuba afikelele esigqibeni sokuba sesiphi na isithuba yaye inguwuphi na utitshala ongaphezu kwemfuneko (ziziphi na izithuba yaye izeziphi na iititshala ezingaphezu kwemfuneko).
3. Apho iziko lemfundo ligqithileyo kwinani elivunyiweyo labasebenzi elabelwe lona, oko kuthi, apho kukho ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina kwelo ziko abangaphezulu kwelo nani libonisiweyo labasebenzi beziko abavunyiweyo, elo ziko maliqalise inkqubo yokukhetha ukuba sesiphi na isithuba yaye inguwuphi na utitshala ongaphezu kwemfuneko (ziziphi na izithuba yaye izeziphi na iititshala ezingaphezu kwemfuneko) njengoko kuchaziwe kuxwebhu olungale nkqubo oluqhotyoshelweyo.
4. Inkqubo yokhetho lootitshala ekuthiwa bangaphezu kwemfuneko kwavunyelwana ngayo kwintlanganiso yeKomiti yeSebe eYalathelwe oku ngowama-25 Februwari 2003.
5. Le nkqubo iya kwenza iSebe leMfundo leNtshona Koloni libe nako ukuzizalisekise iimfanelo zalo ngakootitshala abangaphezu kwemfuneko njengoko kubonelelwe kwimvumelwano esemthethweni, ezizezi,

  • Iindlela zengqesho ezizezinye (umz. ukujonga izithuba ezifanayo nokufakwa ezithubeni) kwabaqeshwa abangaphezu kwemfuneko
  • ukusiwa kwiindawo ezinezithuba nokuqeqeshwa ngokutsha kwabasebenzi
  • upapasho lwezithuba kwizintlu zezithuba ezivalelekileyo
  • ukuveliswa kweendlela zokudala imisebenzi kweli candelo (sector) kwakumabhunga ecandelo
  • iphakheji yokuqhawulwa kwenkonzo kwakwenziwa isicelo soko
  • iphakheji yokuqhawulwa kwenkonzo kwabo baqeshwa/basebenzi bangenakusiwa kwiindawo ezinezithuba.
  • 6. Fumana la maxwebhu alandelayo owathunyelelwa malunga noku sekukhankanywe apha
    ngasentla:
    7. Ukukunika umfanekiso opheleleyo, le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0116/2002 nale 0008/2003 yowe-19 Septemba 2002 nowe-8 Januwari 2003 ngokulandelelanayo.
    8. Kucelwa onke amaqela ukuba ancedise yaye akuxhase ukuphunyezwa kwale mvumelwano esemthethweni njengoko impumelelo yayo ixhomekeke kwintsebenziswano yabo bonke abaqeshi, amabhunga olawulo namabhunga amaziko emfundo.

    Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zazise bonke abasebenzi abalapho kuwo okubhalwe kule setyhula zize zicele ukuba bayisayine babhale nomhla njengobungqina bokuba bayifumene.


    ISAYINWE: NGU-E.M. SOUTHGATE
    INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
    UMHLA: 2003:03:10

    Inkqubo yokhetho lootitshala ekuthiwa bangaphezu kwemfuneko  (ubukhulu: 41 KB)
    Ileta engumzekelo omawusetyenziswe (pro forma letter) eyenzelwe ootitshala abangaphezu kwemfuneko  (ubukhulu: 22 KB) ;
    Iprofayili katitshala engumzekelo omawusetyenziswe  (ubukhulu: 31 KB)