1. Luqhotyoshelwe apha uxwebhu lomgaqo-nkqubo olawula ukutshaya woLawulo lwePhondo leNtshona Koloni. Lo mgaqo-nkqubo uqala ukusebenza ngoko nangoko yaye uza kuthi kwakuba kwenziwe iinguqulelo ezifanelekileyo apha naphaya (mutatis mutandis) uchaphazele bonke abasebenzi abakwaNdlunkulu, abakumaZiko oLawulo noPhuhliso lweMfundo (EMDC) nabakumaziko emfundo.

2. NgokomMiselo 3 woMthetho oFakela iZilungiso kuMthetho oLawula iZiveliso zeCuba (Tobacco Products Controls Amendment Act, (njengoko ukwiGazethi kaRhulumente R1453 yangomhla wesi-3 Disemba 1999), umisela ukuba ii-ofisi (kubandakanywa ii-ofisi ezivulekileyo - open-plan offices), amagumbi okusebenzela (workrooms), amagumbi eenkomfa, izindlu zangasese, iikhorido, amagumbi okuhlanganela, amagumbi okuphumla, amagumbi asetyenziselwa izinto ngezinto, iindawo zamancedo onyango, iilifti, izithuthi zikarhulumente, izitora, ii-odithoriya, kunye nayiphi na indawo ekudla ngokuba uluntu lukwazi ukufikelela kuyo, zonke ezi ndawo ziindawo ekuthintelweyo ukutshaya kuzo. Nakuba kunjalo, umqeshi, angatyumba amagumbi okanye iindawo ezithile ezivalelekileyo njengeendawo zokutshayela, ngokuxhomekeka ekubeni loo magumbi aneefestile ezivulelekela ngaphandle, nokuba ezi festile ziyavulwa xa kutshaywa, kwanokuba loo magumbi anoomatshini bokungenisa imphepho abakhuphela umoya ngaphandle kwesakhiwo eso. Kwakhona la magumbi makahlulwkwisakhiwo seziko lemfundo siphela ngeendonga zekonkrithi okanye ngezinto zokwahlula ezomeleleyo. Apho kungekho ziindawo zitshintshwe zaziindawo zokutshayela ngenxa yokunqongophala kwendawo, bayacelwa abasebenzi ukuba batshayele ngaphandle kwesakhiwo ngamathuba eziqatyana zokutshaya.

3. Uxanduva lokufikelela esigqibeni sokuba ngaba abasebenzi bangazishiya na iindawo abasebenza kuzo baphume baye kutshaya ngexesha leeyure zomsebenzi ngokomhlathi 4.5.2 walo mgaqo-nkqubo oqhotyoshelwe apha, ngokwenjenje ludluliselwa kwiintloko zamaziko emfundo nakubalawuli. Ngokwemigaqo esebenzayo, abasebenzi bavunyelwe ukuba bafumane iziqatyana zokutshaya ngamathuba okufumana iziphungo nawokuya kwisidlo sasemini ukuthintela ukuba kungachithwa ixesha lomsebenzi nokungathi kuchaphazele kakubi intsebenzo yabasebenzi. Mazincede iintloko zenze amalungiselelo ayimfuneko okuqinisekisa ukuba uyaphunyezwa lo mgaqo-nkqubo. Iintloko zamaziko emfundo mazivumele abasebenzi ukuba bafumane iziqatyana zokutshaya ngamathuba amiselweyo okuthi xha kancinane (breaks) kwabafundi.

4. Lo mgaqo-nkqubo uthatha indawo yalowo wabhengezwa ngeSetyhula 108/2000 yowama-26 Julayi 2000 neSetyhula 167/2000 yowesi-8 Disemba 2000.

Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula.



ISAYINWE: J.J.L. VIVIERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:06

mgaqo-nkqubo: ULawulo IwePhondo leNtshona Koloni  (ubukhulu: 30 KB)