1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni, lisebenzisana neYunivesithi yaseNtshona Koloni, liphantsi kweliso leSebe leMfundo likaZwelonke, linikeza kootitshala bee-EMDC abasebenza ezi-ofisini, iikomiti zabezolawulo abakhulu bezikolo, kwanootitshala abasezikolweni (kwizikolo zemfundo ephakamileyo naseziprayimari) ithuba lokubhalisela ezi zifundo zichazwe ngasentla.
2. Ezi zifundo zithatha iminyaka emibini ziya kuqhutywa ngeentsuku ezithile emva kwexesha lomsebenzi yaye abenzi bezicelo baya kunikwa izixhobo ezininzi neencwadi zokufunda. Amaxesha okuqhubeka kweeklasi aya kuba semva kwemini okanye ngokuhlwa, yaye kuya kumiselwa amaxesha athile enyakeni (block periods) aya kulungiselelwa iimpela-veki neeholide zezikolo. Ngaloo mathuba kungayi kubakho kuhlohla kuqhubekayo, abahlohli baya kubonelela ngenkxaso qho besebenzisa udliwano-ndlebe ngefoni, i-imeyili, okanye ngokumiselwa kwamadinga aza kwenziwa nootitshala ngabanye acwangciswe kwangelixa elingaphambili. Inkxaso nge-intanethi kuya kubonelelwa ngayo apho iimodyuli ezithile kulindeleke ukuba zenziwe ngokuphathekayo.
3. Kuphela ngootitshala abaqeshwe isigxina abanesiqinisekiso se-M+3 abanokufaka izicelo.
4. Isiqinisekiso seACE siya kukhokelela kwisiqinisekiso se-M+4 okanye ekuthatheni izifundo njengeziphambili zokudibanisa iimfundiso ezisisiseko kwezekharityhulam. Esi siqinisekiso silingana namanqaku ali-120 ekhredithi ngokwenqanaba 6 le-NQF kwanezifundo eziphambili ngezamalungelo oluntu.
5. Ulwazi oluthe vetshe ngokuqulathwe zezi zifundo lungafumaneka ku

              Prof. J.M. Smith
              Faculty of Education
              University of the Western Cape
              Private Bag X17
              Bellville
              7535 

              Ifoni: (021) 959 2485
              Ifeksi: (021) 959 3358
              I-imeyili: jmsmith@uwc.ac.za.
6. Le fom yokwenza isicelo,  esisiHlomelo A,  encanyathiselweyo, mayingeniswe kuMcebisi oMkhulu ngezeKharityhulam we-EMDC ungadlulanga umhla we-28 Matshi ku2003. Izicelo ezifike emva kwexesha azisayi kuthathelwa ngqalelo. IYunivesithi yaseNtshona Koloni iya kunxibelelana nabenzi bezicelo abaphumeleleyo.
7. Yonke imali yokufunda nokubhalisa, ngokunjalo neendleko zokuhlala zamaxesha aqinisekisiweyo (bona fide) okuhlohla, ziya kuhlawulwa liSebe leMfundo likazwelonke.
8. Abasebenzi bakwaNdlu-nkulu kunye namagosa e-EMDC mabaqale bathethathethane nabaphathi babo ukuze bafumane imvume.

ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:02:28

Annexure A (esisiHlomelo A)  (size: 5 KB)