1. Ithuba lokubasezikhundleni lawo onke amabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente onyulwa okanye asekwa ngo-2000 ngokwemiGqaliselo ephathelele kumaBhunga oLawulo eZikolo zikaRhulumente neyapapashwa ngokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 wowe-1996), njengoko ifakelwe izilungiso, liya kuphela ngethuba lokuqhubeka konyaka ka-2003.
2. Ithuba lokubasesikhundleni kwebhunga lolawulo lesikolo lithatha iminyaka emithathu, ukususela kumhla wentlanganiso yokuqala yebhunga lolawulo emva konyulo lwalo.
3. Bayacelwa abalawuli bee-EMDC neenqununu zezikolo zikarhulumente ukuba benze amalungiselelo kwangethuba onyulo lwamabhunga olawulo amatsha ngokungqinelana nale miGqaliselo ekhankanywe apha ngasentla kunye nesiKhokelo seSebe leMfundo esimalunga noku.
4. Kwakhona iSebe leMfundo leNtshona Koloni liza kuqalisa ngoqeqesho lweenqununu njengamagosa onyulo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba akukho magingxi-gingxi ngethuba lonyulo nokwenzela ukuba zikwazi ukulusingatha unyulo ngempumelelo. Uqeqesho luya kuqala ngowe-10 Matshi 2003. Iprogram yoqeqesho iza kufumaneka kamva.
5. ImiGqaliselo efakelwe izilungiso nepapashwe kwiGazethi yePhondo eYodwa no. 5946 yowama-31 Januwari 2003 seyithunyelwe ezikolweni ngale Setyhula 24/2003 kunye nesikhokelelo esilungi-Selelwe ulwanyulo lwamabhunga olawulo. Ziyacelwa iinqununu ukuba zize nale miGqaliselo ngethuba zisiza kwiiseshoni zoqeqesho.
6. ISebe leMfundo leNtshona Koloni livakalisa umbulelo kumalungu amabhunga olawulo akhoyo ngoku ngenkonzo yawo yokuzinikela ayenzileyo ngenjongo yokuba kuphumelele imfundo.

ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:02:28

OPLEIDING: SKOOLHOOFDE SBL. - VERKIESING 2003 / TRAINING: PRINCIPALS SGB.- ELECTIONS 2003  (size: 9 KB)