1. UmGaqo-siseko waseMzantsi Afrika ubonelela umthetho wokuqondwa nokusetyenziswa kweziseko zentlalo ezihlonipha amalungelo oluntu kwintlalo yethu yemihla ngemihla, ngako oko ke kubalulekile ukuba abafundi bethu babe nolwazi olululo ngesiBhengezo samaLungelo oLuntu (Declaration of Human Rights).

2. Ukuhambelana nalo mba, ziyacelwa izikolo ukuba zenze igalelo elibonakalayo ekukhuseleni abantwana nasekukhuthazeni uSuku lwamaLungelo oLuntu - 21 Matshi 2003. Ukujolisa ngokukodwa kolu Suku lwamaLungelo oLuntu kuya kunceda abafundi ukuba bafumane oku: ulwazi, izakhono, iziseko zentlalo neendlela ezifanelekileyo zokubona izinto (attitudes), zinto ezo eziyinzuzo enkulu nezifunekayo ukuze bakwazi ukudlala indima yabo kuluntu lwethu olulawulwa yidemokhrasi.

3. Kubalulekile ukuba abafundi bazi ukuba amalungelo athetha ukwazi ukuthwala uxanduva nokuba mabaqinisekise ukuba bayawahlonipha amalungelo abanye.

4. Ukuthathelwa ingqalelo kwemibandela yamalungelo oluntu makube ngumba ophambili kuyo nayiphi na iprogram yesikolo eqhutywayo. Ezi nkalo zezifundo uLwazi ngezoBomi, ezobuGcisa neNkcubeko, iiSayensi zezeNtlalo, noLwazi lokuBhala nokuBala noNxibelelwano zifaneleke ngokukodwa kubafundi ukuba baziphicothe baze basebenzise ulwazi lwabo ngemibandela yamalungelo oluntu. Xa kulungiswa iprogram yoSuku lwamaLungelo oLuntu, kucetyiswa ukuba ootitshala mabasebenzise indlela edibanisa izinto ngezinto ezisusela kwezi nkalo zezifundo.

5. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zilungise iintlanganiso, iintetho neendibano ezizodwa zokulungiselela ukuvuyela olu Suku lwamaLungelo oLuntu. Zingasetyenziswa ezi zihloko zilandelayo njengesikhokelo sesicwangciso sezinto ezinokwenziwa:
  • Yintoni amalungelo oluntu?

  • Ukuvuyela ukungafani kwethu ngokumalunga nesini, inkolo, uhlanga, ulwimi njl. njl.

  • Iindlela zokuhlela amalungelo oluntu

  • Ukutshekisha ugonyamelo

  • Uphumelele ungaphulelelanga - eyona nto ephambili kukudlala umdlalo omhle

  • Amalungelo nokwazi ukuthwala uxanduva njengabemi abanenkathalo

  • Amalungelo ezentlalo nawoqoqosho

6. Ezinye zezinto ezingenziwa ukudibanisa uSuku lwamaLungelo oLuntu neKharityhulam 2005:
  • Yenza ifayile enengcaciso ngemibutho ezama ukusombulula ukunyhashwa kwamalungelo oluntu.

  • Yenza ikhweshine ngamalungelo oluntu nangemibandela ehambelana nawo.

  • Cwangcisa izinto ngoXwebhu lwamaLungelo oLuntu neTshatha yaBantwana.

  • Qhuba udliwano-ndlebe nabantu abaziwayo kwezentlalo, abasebenza kwiindawo ezinxulumene namalungelo oluntu okanye abantu abangabahlali abazimiseleyo ukwabelwana nabanye ngamava abo.

  • Yenza imizobo yobugcisa okanye kuzotywe udonga kwenzelwe isikolo ekuboniswa kulo amalungelo noxanduva lwabantwana kuboniswe nemizobo yokuvuyela ubomi.

  • Makudlalwe iindima ezimele abantu abathile - khetha isihloko esingomxholo othi ‘yenza ngokufanayo’ (‘fair play’) kwiimeko ezahlukeneyo.

  • Sebenzisa amaphephandaba, imifanekiso ebonwayo nezinye iindlela ezisetyenziswa ngamajelo opapasho nonxibelelwano eklasini ngeveki eqala ngowe-17 Matshi 2003.

7.  Ootitshala bangakhangela kwezi zinto zilandelayo1:
  1. Universal Declaration of Human Rights (UDHR) and other human rights

  2. U.N. Convention on the Rights of the Child

  3. African Charter on Human and People’s Rights

  4. Manifesto of Values in Education ref.: Circular 0145/2001

  5. The Freedom Charter

  6. Human Rights in the classroom:  Human rights in the classroom
    (Australian Human Rights and Equal Opportunity Commission)

  7. Human Rights in the classroom:  Resources for Teachers
    (Amnesty International USA Human Rights Education Network)

  8. Human Rights in the classroom:  First Steps: A Manual for Starting HR Education
    (University of Minnesota Human Rights Library)

  9. Canadian Centre for Ethics in Sport - information on drugs in sport, fair play resources, Spirit of Sport Campaign

  10. Australian Sports Drug Agency - information on drugs in sport, their history, etc.

  11. Edulis:  021 948 7504

  12. Holocaust Centre:  021 462 5553

  13. Robben Island:  021 409 5250

  14. UWC Robben Island Museum:  021 959 2935

  15. Safe Schools call centre:  0800 45 46 47


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:02:20

1 Qaphela okokuba iCandelo 7 lale setyhula lilungiselelwe ukuba lisetyenziswe kwi-intanet