1. Ngowama-29 Novemba 2002 amaqela amele umqeshi nabaqeshwa eBhunga eliQuquzelela uThetha-thethwano naBasebenzi beNkonzo kaRhulumente (Public Service Co-ordinating Bargaining Council (PSCBC) avumelana ukuba kwenziwe uhlenga-hlengiso yaye kufakelwe izilungiso kwiNgxowa yePenshini yaBaqeshwa bakaRhulumente (Government Employees’ Pension Fund - GEPF).

2. Ezi zilungiso zikwisiGqibo 12 sowe-2002 esiqhotyoshelwe kolu xwebhu ukwenzela ukukunika ingcaciso ngazo.

3. Ngaphandle kwaxa kucaciswe ngandlela yimbi imigaqo ekwesi sigqibo iqala ukusebenza ngowoku-1 Disemba 2002.

4. Nceda wazise bonke ootitshala nabasebenzi benkonzo karhulumente okubhalwe kule setyhula nakwisigqibo esiqhotyoshelweyo nekufuneka bacelwe ukuba babhale ii-inishiyali zabo kunye nomhla kula maxwebhu ukubonisa ukuba bawafundile.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:02:13


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).