1. |
Ngenxa yale setyhula 7/2003 yowe-16 Januwari 2003 uyacelwa ukuba uthathele ingqalelo ngokukodwa iZiqendu 2 no-8 zoMthetho oFakela iZilungiso, 2002 (uMthetho 50 wowe- 2002) (okopi yawo iqhotyoshelweyo) ekuthe ngenxa yawo kwahlaziywa ubudala bokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente nakwezo zizimeleyo ukususela ngowoku-1 Januwari 2004. |
2. |
Ukususela ngowoku-1 Januwari 2004 angamkelwa umfundi kwiBakala 1 okanye kwiBakala R ukuba loo mfundi ufikelela kubudala beminyaka esi-6 okanye emi-5 ngokulandelelanayo ngowama-30 Juni kunyaka wokwamkelwa kwakhe. |
3. |
Zisaqulunqwa izinto eziza kujongwa neenkqubo zokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente okanye kwizikolo ezizimeleyo xa bebudala bungaphantsi kobu bumiselweyo bokwamkelwa kwabafundi yaye ziza kwaziswa kungekudala. |
4. |
Uyacelwa ukuba uncede wazise bonke abasebenzi abalapho, amalungu ebhunga lolawulo nabazali besikolo sakho okubhalwe kule setyhula. |
ISAYINWE: NGU- J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:02:28
|