1. Ngenxa yale  setyhula 7/2003 yowe-16 Januwari 2003  uyacelwa ukuba uthathele ingqalelo ngokukodwa iZiqendu 2 no-8 zoMthetho oFakela iZilungiso, 2002 (uMthetho 50 wowe- 2002)  (okopi yawo iqhotyoshelweyo)  ekuthe ngenxa yawo kwahlaziywa ubudala bokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente nakwezo zizimeleyo ukususela ngowoku-1 Januwari 2004.
2. Ukususela ngowoku-1 Januwari 2004 angamkelwa umfundi kwiBakala 1 okanye kwiBakala R ukuba loo mfundi ufikelela kubudala beminyaka esi-6 okanye emi-5 ngokulandelelanayo ngowama-30 Juni kunyaka wokwamkelwa kwakhe.
3. Zisaqulunqwa izinto eziza kujongwa neenkqubo zokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente okanye kwizikolo ezizimeleyo xa bebudala bungaphantsi kobu bumiselweyo bokwamkelwa kwabafundi yaye ziza kwaziswa kungekudala.
4. Uyacelwa ukuba uncede wazise bonke abasebenzi abalapho, amalungu ebhunga lolawulo nabazali besikolo sakho okubhalwe kule setyhula.

ISAYINWE: NGU- J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:02:28


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).