1. Okuthunyelwa nale setyhula yikopi yesiGqibo 8/2002 sowe-11 Disemba 2002, njengoko savunywayo liBhunga leMfundo lezobuDlelwane emiSebenzini (ELRC), okubhalwe apho kuso kucacile. Esi sigqibo siqala ukusebenza ngowoku-1 Apreli 2003.

2. Kwale migqaliselo minye ekwimihlathi 2 no-3 yeSetyhula 45/2002 yowe-24- Apreli 2002 iya kusebenza kwakuba kufakwe ootitshala ukuba babambe kwisithuba esingaphezu kweso sabo lo gama lowo ukuso angekhoyo.

3. NgokwesiGqibo 8/2002 esi sibonelelo sobambeleyo siya kuhlawulwa utitshala kuphela lo gama okweso sithuba angekhoyo ngenxa yenye yezi zinto zilandelayo:

- Ikhefu lokuya kubeleka (Maternity leave)
- Ikhefu lokugula (Sick leave)
- Ikhefu lokuya kufunda (Study leave)
- Ngethuba lokumiswa emsebenzini (Suspension)
- Xa usekondiwe (Secondment)

4. Nceda wazise bonke ootitshala namalungu amabhunga olawulo okubhalwe kule setyhula uze ubacele ukuba basayine babhale nomhla bakugqiba ukuyifunda.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:06


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).