1. Le setyhula ihamba kunye nesiKhokelo soVavanyo oluQhubekayo (Continuous Assessment Guidelines) esihlaziyiweyo sesifundo seJografi HG no-SG kwiMatriki yaye sithatha indawo yesikhokelo esakhutshwa ngo-2002. Kucetyiswa ukuba ulutshabalalise olu xwebhu lwakhutshwa ngo-2002 ukwenzela ukuba kungabikho mpazamo yenzekayo.

2. Kwenziwe iinguqulelo kwesi sikhokelo sihlaziyiweyo malunga nabafundi nakwiimfuno zesiKhokelo sooTitshala njengoko kukho ubungqina obucacileyo bokuba iPhothifoliyo kaTitshala elungiswe ngendlela eyiyo sisitshixo kwimpumelelo yovavanyo oluqhubekayo (continuous assessment - CASS).

3. Ncedani niqaphele ukuba uvavanyo oluqhubekayo yinxenye enyanzelekileyo kuzo zonke izifundo zeMatriki kubaviwa abasisigxina (khangela kwiSetyhula 9/2002).

4. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba ootitshala abachaphazelekayo bayakufundisisa okubhalwe kolu xwebhu luhlaziyiweyo niluthunyelelwayo nokuba esi sikhokelo siphunyezwa ngendlela eyiyo nefanelekileyo.

5. Nceda qhagamshelana nabasebenzi abakwi-EMDC malunga nalo naluphi na olunye uncedo onokulufuna.

ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:02:24