1. Ayabulelwa ngomdla wawo nentsebenziswano yawo amabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente, ezikolo ezizimeleyo namabhunga eekholeji zezobugcisa angenisa amagama abatyunjwa (nominations) ngenjongo yokuba batyunjelwe kwiBhunga lezeMfundo lePhondo leNtshona Koloni.
2. Uyacelwa ukuba uthathele ingqalelo into yokuba ukusekwa nokwakhiwa kweBhunga lezeMfundo lePhondo leNtshona Koloni kusaqhubeka.
3. Nakuba kunjalo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni kungokunje lisaphonononga yaye likwaqwalaselisisa kwakhona imiMiselo ephathelele kwiBhunga lezeMfundo, ingakumbi imisebenzi yalo. Kwakubanje kuphethiwe oku, iza kuqhubeka inkqubo yokonyula amalungu.
4. Uza kusoloko usaziswa qho ngezinto ezenzekayo ngokumalunga nalo.
5. Nceda wazise oosihlalo bamabhunga olawulo nabo bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: NGU- R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:02:19