Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba ziqaphele oku kulandelayo:
1. Sekulindelwe amagama abo batyunjelwe ukuzalisa izithuba ezisisigxina ezivulekileyo ukususela ngowoku-1 Januwari 2004. Kucelwa niqaphele ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni lenze isigqibo sokuba izithuba ezisisigxina zingazaliswa ngoku unyaka wonke.
2. Usasebenza nangoku umhlathi 3.2 weSetyhula 0121/99 omalunga nezikolo ezinenani lilonke lezithuba ezabelwe isikolo lingama-20 okanye nangaphezulu, oku kuthetha ukuba, izikolo ezinezithuba ezingama-20 okanye nangaphezulu mazizalise isithuba esinye kuphela ngomqeshwa oqeshwe ngemvumelwano.
3. Alisayi kuvunywa igama lomqeshwa otyunjelwe ukuqeshwa ngemvumelwano ukuba libangela inani lootitshala lidlule kwelona nani liqingqelwe elo ziko lemfundo (net excess).
4. Ifom yesicelo (A2) nefom yotyumbo (A3) malunga nezi zithuba (kwakunye nefom Z56 kwimeko yomntu oqeshwa okokuqala - khangela kwiSetyhula 0243/2003 yowe-8 Disemba 2003) mazingeniswe kweli Sebe leMfundo ngokukhawuleza ukuze (ZIQWALASELWE nguMnu Booysen, Room 934).
5. Uyakhunjuzwa kwakhona ngokubaluleka kokungenisa ifom yotyumbo lwalowo wenze isicelo kwangexesha ingakumbi njengangoku uNondyebo wePhondo egqibe ekubeni anciphise amaxesha okwenziwa kweentlawulo enyangeni, kubandakanywa nezo zingaphumi nesininzi seentlawulo, ukuba kube kanye kwiiveki ezimbini. Oku kuthetha ukuba ukungeniswa kade kwezi fom kuya kubangela intlawulo yemivuzo kunye nezinye izibonelelo kwenziwe kade.
6. Siya kuyivuyela kakhulu intsebenziswano yakho.

ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:12

Form: A2 - Application for a teacher post  (ubukhulu: 11 KB)
Form: A3 - Nomination for appointment as a teacher  (ubukhulu: 12 KB)
Form: Z56 - Application for salary to be deposited...  (ubukhulu: 7 KB)