1. Kubaluleke kakhulu ukukhuthaza ukuba uluntu luzibone yaye luzive lungabanini bezikolo oluzingqongileyo ukuze sibe nako ukukuncothula neengcambu ukonakaliswa kwezakhiwo zezikolo. Imali eninzi kakhulu echithwa minyaka le kulungiswa ezi zakhiwo, ingathi isetyenziswe ekunciphiseni intaba yomsebenzi (backlog) wokulondoloza izakhiwo namancedo ongahambeli ndawo. Nangona izakhiwo zezikolo zizezikaRhulumente, zingamancedo kuluntu yaye uthatho-nxaxheba koluntu kumaphulo ezikolo kungathi ngoko kube negalelo ekulweni ezi zenzo zokonakaliswa kwezakhiwo.
2. Kwiinzame zokuqinisekisa ukusingathwa ngokufanayo nangendlela enye kweemeko zokonakaliswa kwezakhiwo zezikolo ziintloko zamaziko emfundo, kubonelelwe uluhlu lwemigaqo kolu xwebhu LokuLwa uKonakaliswa kweZakhiwo (Vandalism Guideline Document) noluthunyelwa nale setyhula.
3. Ziyathakazelelwa kakhulu iinzame ezenziwa zizikolo ezininzi, ngamabhunga olawulo kunye noluntu lweendawo ngeendawo ekuthinteleni ukutshatyalaliswa ngabom nangokungekho ngqondweni kweprophathi yezikolo.
4. Imibuzo malunga nokubhalwe kule setyhula ingabhekiswa kuMnu G Martin kule nombolo yefoni 021 467-2137.
5. Siya kuyivuyela kakhulu intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.

ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:18

UKONAKALISWA KWEZAKHIWO ZESIKOLO  (ubukhulu: 47 KB)