1. Njengoko isikolo sinokuyeka ukusebenzisa inxenye yomhlaba waso okanye yezakhiwo zaso, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liye lanyanzeleka ukuba likhe liwuhlalele lo mbandela yaye limisele imigaqo ecace gca yokuchithwa kwemihlaba yesikolo kunye/okanye kwezakhiwo ezingasetyenziswayo kunye/okanye ezingasetyenziswa ngokupheleleyo.
2. Eli Sebe leMfundo alinayo nenye iprophathi engashenxisekiyo (fixed property). Izikolo zikarhulumente zisebenzisa iprophathi kaRhulumente (State property) elithi ke iSebe lezoThutho neMisebenzi yoLuntu (Department of Transport and Public Works) (iCandelo loMlawuli oyiNtloko: LezoLawulo lweProphathi (Chief Directorate: Property Management), emva koku elibizwa ngokuba leLezoLawulo lweProphathi) libe ngumgcini nomlondolozi wayo. Nakuba kunjalo, ilungelo lokutshintsha ubumnini beprophathi liphantsi kwemvume yebhunga lolawulo lesikolo elichaphazelekayo. NgokweSiqendu 20 (1) (g) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, (uMthetho 84/1996, emva koku obizwa ngokuba nguMthetho weZikolo), ibhunga lolawulo lesikolo “malijongane lize lilawule iprophathi yesikolo, o.k.t. izakhiwo nemihlaba ekumi kuyo isikolo, kunye neehostele, ukuba zikhona”. Nakuba kunjalo, ngokweSiqendu 13 (3) soMthetho weZikolo, nguMphathiswa weMfundo wePhondo kuphela onokwalela isikolo ekusebenziseni ilungelo laso lokuba kwindawo (occupation) nokusebenzisa iprophathi yeziko lemfundo okanye izakhiwo zeziko lemfundo.
3. Kunyanzelekile ukuba, xa ibhunga lolawulo lesikolo linqwenela ukungalisebenzisi ilungelo lalo lokuma kwinxenye yesiza salo kunye/okanye yezakhiwo ezingasetyenziswa ngokupheleleyo, loo meko iya kusingathwa ngayodwa yaye kuya kuthathelwa ingqalelo imigaqo ngemigaqo yokwaba isithuba eyayisetyenziswa phambi kokusekwa kweSebe leMfundo leNtshona Koloni ngo-1996, kwakunye nale migaqo nemigangatho ilandelayo esetyenziswayo ngoku xa kusikwa iziza zezikolo ezitsha:
  • Isiza masibe yi-2,0 yeehektare xa kuza kwakhiwa isikolo esiyiprayimari

  • Isiza masibe yi-3,0 yeehektare xa kuza kwakhiwa isikolo esiyisekondari
4. INKQUBO YOKUCHITHWA KWEPROPHATHI NEZAKHIWO EZINGASETYENZISWAYO KUNYE/OKANYE EZINGASETYENZISWA NGOKUPHELELEYO EZISIKELWE IINJONGO ZEMFUNDO.
4.1 Ibhunga lolawulo lesikolo malazise iSebe leMfumdo leNtshona Koloni ngeleta ebhaliweyo ukuba linqwenela ukungalisebenzisi ilungelo lalo lokuba kuloo nxenye yesiza sesikolo kunye/okanye lezakhiwo zaso (kubandakanywa neehostele).
4.2 ISebe leMfumdo leNtshona Koloni (iCandelo loMlawuli wezoCwangciso noLondolozo lweZakhiwo (Directorate: Physical Resources Planning)) liya kuhlola isiza eso ukwenzela ukujonga lona ngokwalo ukuba ngaba umhlaba lowo kunye/okanye izakhiwo ezo mazigcinwe na okanye zikhululwe.
4.3 Ukuba loo nxenye yomhlaba kunye/okanye yesakhiwo (yezakhiwo) ayisetyenziswa, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuyikhululela iprophathi leyo kwiCandelo lezoLawulo lweProphathi neliya kuthi lona liyichithe ukuze “isetyenziswe ngeyona ndlela inenzuzo enkulu nebhetele” emva kokuba ligqibile ukuwusaveya, ukuwucanda kwakhona nokuwuthengisa umhlaba lowo kunye/okanye isakhiwo eso (izakhiwo ezo).
4.4 Iya kuba liCandelo lezoLawulo lweProphathi eliya kujongana nomsebenzi wokuhlawula iindleko zayo yonke inkcitho yamagosa aqeqeshiweyo okwenza umsebenzi wokuthengisa iprophathi, umz. unocanda (land surveyor), ukuxatyiswa komhlaba (property valuation), lize liqinisekise ukuba kulandelwa ngqo imigaqo yoMthetho wezoLawulo loMhlaba wePhondo leNtshona Koloni (uMthetho 6/1998) (Western Cape Land Administration Act, (Act 6/1998)). ICandelo lezoLawulo lweProphathi liya kwenza isigqibo ngeyona ndlela ibhetele yokuchitha iprophathi, umz. iziniki maxabiso ekungavulelwe wonke umntu (closed tender), intengiso yasesidlangalaleni (public auction), ukuyiqeshisa ithuba elide (long-term lease).

5. UKUMISELWA KWEPESENTI YEMALI EQOKELELWE KWINTENGISO EYA KUBA LILUNGELO LESIKOLO
5.1 Esi sikali silandelayo esiya sisihla ngokwemeko (sliding scale), sisusela kwinto yokuba amaxabiso eprophathi ngokwasemarikeni ayahluka ngokwendawo nendawo iprophathi leyo ekuyo, siya kusetyenziswa ekubaleni ukuba yeyiphi na ipesenti yemali eqokelelwe kwintengiso emayingene kwisikolo:
Ihlelo 1   (izikolo ezimi kakuhle ngokwasemalini)   20 %
Ihlelo 2                                            35 %
Ihlelo 3                                            51 %
Ihlelo 4                                            68 %
Ihlelo 5   (izikolo ezisokolayo ngokwasemalini)     85 %
5.2 Zinokwandiswa ezi pesenti, kodwa kuphela ngengqiqo yoMphathiswa weMfundo emva kokubhungisana neNtloko yeSebe leMfundo. Oku kuya kuxhomekeka kwiimfuno zesikolo kunye nezizathu ezixhasayo ezivela esikolweni.

6. UKUSETYENZISWA KWEMALI EFUNYENWE KWINTENGISO YEPROPHATHI NEZAKHIWO EZINGASETYENZISWAYO KUNYE/OKANYE EZINGASETYENZISWA NGOKUPHELELEYO EZISIKELWE IINJONGO ZEMFUNDO.
6.1 Le mali efunyenwe kwintengiso iya kwabiwa ngolu hlobo lulandelayo:
6.1.1 ISebe lezoThutho neMisebenzi yoLuntu (Department of Transport and Public Works) liya kuhlawula zonke iintlawulo zamagosa aqeqeshelwe umsebenzi wokuthengisa iprophathi kwakunye neentlawulo zokuxabisa iprophathi (valuing), ukuyazisa emarikeni (marketing), nokuyicanda ngokutsha (re-zoning), njl. njl.
6.1.2 Ipesenti ethile yemali eqokeleweyo, ngokwesikali esiya sisihla ngokwemeko esikumhlathi 5.1 iya kunikwa isikolo ukwenzela ukuba siphucule izakhiwo namancedo aso (infrastructure).
6.1.3 Intsalela iya kunikwa ezinye izikolo zaseNtshona Koloni ukuba ziphucule izakhiwo namancedo azo (infrastructure).
6.2 Isixa-mali esabelwe isikolo singasetyenziselwa kuphela ukuphucula (ukwandisa nokuhlaziya (additions and renovations)) izakhiwo kunye nokulondoloza (kulungiswe amancedo akhoyo (repair of existing infrastructure)) yaye asiyi kusetyenziselwa ukuhombisa zenze izakhiwo zesikolo zibe yoko-yoko.
6.3 Izikolo mazibhungisane neSebe leMfundo leNtshona Koloni (iCandelo loMlawuli wezoCwangciso noLondolozo lweZakhiwo (Directorate: Physical Resources Planning)) ngokumalunga neprojekthi (neeprojekthi) ezinqwenela ukuzenza. Kuza kusebenza le nkqubo ilandelayo:
6.3.1 Kufuneka izikolo zingenise kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni izizathu ezivakalayo ezixhasa oko kwandiswa, kuhlaziywa okanye kulungiswa kufunekayo.
6.3.2 Izizathu ezo ziya kuhlalelwa zivavanywe kuze kudluliswe iingcebiso ngokumalunga nazo kuMphathiswa weMfundo, ngokuqala zidlule kwiNtloko yeSebe leMfundo, ukuba anike imvume yakhe.
6.3.3 Ukuba ivunyiwe iprojekthi leyo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iCandelo loMlawuli wezoCwangciso noLondolozo lweZakhiwo) liya kucela ngokusesikweni iSebe lezoThutho neMisebenzi yoLuntu ukuba lithathele phantsi kolawulo lwalo iprojekthi iphela (lenze iiplani, lilungise zonke iinkcukacha zokuza kwenziwa (specifications), libhengeze ukuba kunikwe amaxabiso (advertise tender), likhethe isiniki-maxabiso (award tender), libeke esweni ukuqhutywa komsebenzi (monitor progress), lisebenze njenge-arhente yokugada ukugcinwa komgangatho ophezulu, lihlawule ikontraki (contractor).
6.3.4 Akukho zintlawulo ziya kwenziwa ngqo kwisikolo ngenxa yokuthengiswa kweprophathi yesikolo engasetyenziswayo kunye/okanye engasetyenziswa ngokupheleleyo, yaye kungekho zikolo ziya kuvunyelwa ukuba zilawule iprojekthi ngemali eqokelelwe kwintengiso eziyabelweyo. Oku kuya kwenziwa liSebe lezoThutho neMisebenzi yoLuntu egameni lazo.
6.3.5 Ukuba kuthi kuvele naziphi na izikhalazo kunye/okanye uxambuliswano (disputes) ekukhalaza kuzo isikolo, ziya kusingathwa yikomiti yoxambuliswano etyunjwe yiNtloko yeSebe leMfundo enabameli beSebe leMfundo leNtshona Koloni, abeSebe lezoThutho neMisebenzi yoLuntu kunye nabeCandelo lezoLawulo lweProphathi.

7. Imibuzo ngokumalunga nokubhalwe kule setyhula ingabhekiswa kulo Ms Fajwa Abrahams kule nombolo yefoni 021 467 2130.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:18