1. Okuqhotyoshelwe kolu xwebhu sisicwangciso samaxesha okubhala iiMviwo zokuGqibezela iMatriki sika-2004.
2. Umviwa ngamnye ofanelekileyo ukuba abhale ezi mviwo uya kwaziswa malunga noku kwiPhetshana leZiphumo zakhe (Advice of Results) zikaNovemba 2003. Uya kuthunyelelwa ifom yokubhalisela uviwo kwakuloo dilesi lalithunyelwe kuyo iPhetshana leZiphumo. Ukuba ayikafiki ifom de kube nguLwesihlanu we-10 Januwari 2004, umviwa ochaphazelekayo makaxelele uNksk H. du Toit weCandelo leeMviwo kule nombolo yefoni 021 467 2917 okanye kule nombolo yefeksi 021 461 5637.
3. Umhla wokuvalwa ukubhalisela ezi mviwo nguMvulo we-19 Januwari 2004. Ziyacelwa iinqununu nabaviwa ukuba kulandelwe ngqo lo mhla njengoko ifom zobhaliso ezifike kade zingayi kwamkelwa.
4. Kuza kusekwa amaziko okubhalela iimviwo zokuxabangela kwizikolo ezizisekondari nakwezinye iindawo njengoko linokumisela eli Sebe.

Ukuba asifumaneki isikolo njengendawo yokubhalela uviwo lokuxabangela, inqununu mayixelele umphathi wesekethe ungadlulanga umhla wama-23 Januwari 2004 ukwenzela ukuba kube nokulungiswa enye indawo yokubhalela.

5. Umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba abaviwa bangena kwindawo yokubhalela uviwo kwimizuzu engama-25 phambi kwexesha elisemthethweni lokuqala kwaloo seshoni yoviwo. Eli xesha malisetyenziswe ngolu hlobo:
5.1 Imizuzu yokuqala eli-15 mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa ezindaweni zabo, ukubanika amaphepha emibuzo, njl. njl.
5.2 Imizuzu eli-10 esaleleyo abaviwa mabafundisise iphepha lemibuzo balicokise.

6. Akuvunyelwanga ukuba babhale okanye babhale amanqakwana ngalo naliphi na ixesha ngeli thuba lale mizuzu engama-25. Ukwaphulwa kwalo mthetho kuya kuba sisitenxo (an irregularity).
7. Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwisicwangciso samaxesha okubhala.
8. Kucelwa wazise bonke abafundi ababhale uViwo lweMatriki ngoNovemba 2003 okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:17

Timetable:  2004 Senior Certificate Supplementary Examinations  (ubukhulu: 23 KB)