1. Kucelwa nikhangele kwezi Setyhula 0020/2002 yowe-14 Februwari 2002 nale 0129/2003 yowama-28 Meyi 2003 enacelwa kuzo ukuba nithathele ingqalelo imfuneko yokuba zonke iintlawulo zemivuzo kwanezo zinxulumene nayo zifakwe ngqo kwi-akhawunti yebhanki yomqeshwa.
2. Kucelwa niqaphele ukuba xa umqeshwa eqeshwa kwakhona uze umvuzo wakhe ube wawuhlawulwe ngaphambili ngekhompyutha kwi-akhawunti yebhanki yakhe, akukho mfuneko yokuba angenise kwakhona ifom Z56. Kodwa ke ukuba yayingazange ingeniswe ngaphambili le fom Z56 ezaliswe zonke iinkcukacha, mazincede iintloko zamaziko emfundo ziqinisekise ukuba iqhotyoshelwe kwifom yokutyunjwa komqeshwa echaphazelekayo.
3. Isicelo salo naluphi na utshintsho lweenkcukacha zebhanki masihambe kunye nale fom Z56 efakelwe izilungiso (amended).
4. Kucelwa nazise bonke abasebenzi abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:08

Form Z56:  Application for salary to be deposited . . .  (ubukhulu:: 7 KB)