1. Okuqhotyoshelwe kolu xwebhu nguMgaqo-nkqubo wezeSini weSebe leMfundo leNtshona Koloni osebenza kubo bonke abaqeshwa (kootitshala nakubasebenzi benkonzo karhulumente) nakubafundi kunye nakwiikomiti, amaqumrhu nemibutho esebenza phantsi kweSebe leMfundo leNtshona Koloni. Lo mgaqo-nkqubo uyafumaneka ngazo zontathu iilwimi zaseburhulumenteni (ngesi-Afrikansi, ngesiNgesi nangesiXhosa) zePhondo leNtshona Koloni.
2. Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukukhuthaza nokuqinisekisa ukuphuculwa kokulingana kwezini ngokuthi
3. kuphononongwe imigaqo-nkqubo ekhoyo, iinkqubo zesiqhelo ezisetyenziswayo neeprogram zeSebe leMfundo leNtshona Koloni
  • kuphononongwe imigaqo-nkqubo ekhoyo, iinkqubo zesiqhelo ezisetyenziswayo neeprogram zeSebe leMfundo leNtshona Koloni

  • kuxoxwe ngeengcinga eziyimposiso (stereotyping) ezijoliswe kwabathile kunye nokungalingani phakathi kwamadoda, abafazi, amakhwenkwe namantombazana

  • kujongwe impumelelo yeeprogram, yemigaqo-nkqubo neendlela ezisetyenziswayo yaye kumana kutshekishwa qho ukuba ngaba zisasebenza ngokwenene

  • kuphuculwe, kulungiswe, kufikelelwe ezigqibeni yaye kuphunyezwe izicwangciso zokuza kwenziwa

  • kwandiswe ulwazi ngokuqatshelwa kwemibandela engokulingana kwezini

  • kuthathelwe ingqalelo izinto zesini kuzo zonke izigqibo ezithathwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni

  • kumiselwe ngokusesikweni ikomiti yokuququzelela umsebenzi wezesini ngaphakathi kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni.

4. Ukulingana kwezini kusesazulwini sentlalo yoluntu olulawulwa bubulungisa nolu khululekileyo yaye ukubanenkathalo nokwazi ukuthwala uxanduva ngezenzo zakho ngumsebenzi womntu wonke ukwenzela ukuqinisekisa ngophuhliso loluntu olo.
5. Kucelwa ukuba abaphathi babasebenzi bazise onke amagosa aphantsi kweliso labo okubhalwe kule setyhula ngenjongo yokuba akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:01

UMGAQO-NKQUBO WEZESINI WESEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI  (ubukhulu: 41 KB)