1. NgokweSiqendu 3 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (uMthetho 84/1996), iSebe leMfundo leNtshona Koloni linoxanduva ngokusemthethweni lokubonelela isithuba sokufundela kubo bonke abafundi abanyanzelekileyo ukuhamba isikolo (amaBakala 1 - 9). Lo mgaqo-nkqubo ubonelela izikolo namabhunga olawulo ezikolo ngamanyathelo ekufuneka awasebenzise ukulawula ulwamkelo kunye nokufakwa kwabafundi ababudala bungaphezu kobo bumiselweyo kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo.

2. Ingcaciso-magama

Ubudala obunyanzelekileyo bokuhamba isikolo: Ubudala obususela kwiminyaka esi-7 kuye kweli-15 (amaBakala 1 - 9)

Umfundi ofikelele kubudala obunyanzelekileyo bokuhamba isikolo: Umfundi obudala buwela kobeqela elinyanzelekileyo ukuba lihambe isikolo

Umfundi obudala bungaphezu kobumiselweyo: Umfundi obudala bungaphezulu ngeminyaka emibini kubudala obumiselwe iqela lebakala elithile

Ubudala obumiselwe iqela lebakala elithile: Ubudala bokuba umfundi makabe kwibakala elithile - elithathwa ngokuba libakala kunye neminyaka emi-6, umz. iminyaka esi-7 kwiBakala 1 neli-15 kwiBakala 9

Umyinge osikelwe ubudala beqela lebakala elithile: Obona budala bukhulu bokwamkelwa kwibakala elithile - obuthathwa ngokuba yiminyaka emi-2, ngaphezu kobudala obumiselwe iqela lebakala elithile, umz. iminyaka eli-17 kwiBakala 9. Nawuphi na umfundi obudalabungaphezu komyinge osikelwe ubudala bebakala elithile ngumfundi ongaphezu kobudala obumiselweyo

Isithuba sokufundela: Isithuba esikulo naliphi na igumbi lokufundisela, kubandakanywa iilebhu, amagumbi awodwa kunye namanye amagumbi afanelekileyo akwisakhiwo sesikolo anokusetyenziselwa ukufundisela abafundi

Icandelo leMfundo noQeqesho ngokuBanzi (General Education and Training GET)): Icandelo lemfundo noqeqesho ngokubanzi eliqalela kumaBakala 1 - 9 (iNqanaba 1)

Icandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training (FET)): Yimfundo noqeqesho lwabafundi bamaBakala 10 - 12. Aba bafundi bangaphaya kobudala obunyanzelekileyo bokuhamba isikolo. IMfundo noQeqesho oluQhubelekayo ifumaneka kwiikholeji zeFET nasezikolweni zikarhulumente.

Iikholeji zeFET: Iikholeji ezinemfundo elingana nemfundo noqeqesho kwizifundo ngezifundo ezisusela kwiNqanaba 2 - 4 (amaBakala 10 - 12)

Amaziko eMfundo noQeqesho lwaBadala (ABET): Amaziko anemfundo noqeqesho. Uqeqesho lujolise ikakhulu kubafundi abadala abanemfundo encinane okanye abangenamfundo. Ziintlobo ngeentlobo iiprogram ezifundiswayo .


3. Eli Sebe leMfundo liyazi ukuba izikolo zikarhulumente ezininzi sele zigqibile ukubhalisela nokucwangcisela u-2004. Nakuba kunjalo, mazincede ziqinisekise ukuba ubhaliso lwazo lungqinelana nale migaqo yomgaqo-nkqubo ilandelayo eza kusebenza ukususela ngo-2004.

3.1 Ubhaliso lwabafundi ababudala bungaphezu kobumiselweyo abaya okokuqala esikolweni

Ubhaliso lwabafundi abangazange baye esikolweni ngaphambili makwenziwe ngokulandela ngqo umgaqo-nkqubo nemiqathango emiselwe kumhlathi 3.1 weSetyhula 0142/2000.

Qaphela: Abafundi abanjalo ababudala buyiminyaka eli-16 nangaphezulu abanako ukwamkelwa esikolweni, koko mabathunyelwe kwiziko leMfundo yaBadala.


3.2 Abafundi ababudala bungaphezu kobumiselweyo abasele bekwizikolo zikarhulumente
3.2.1 Ukutshintshela kwesinye isikolo
(a) Ngokwenjenje oku kulandelayo kungena endaweni yomhlathi 3.2 [ii] weSetyhula 142/2000:

[ii] Abafundi becandelo leGET (bamaBakala 1- 9) abagqithe ngeminyaka emi-2 kumyinge osikelwe ubudala beqela lebakala elithile bangamkelwa kuphela ngemvume ebhaliweyo yomphathi wesekethe, ukuba

  • oko yeyona nto ebhetele nelungiselela loo mfundi

  • oko akuzi kumisa kakubi abanye abafundi.

(b)

Abafundi abanqwenela ukubhalisela amaBakala 10 - 12 abagqithe ngeminyaka engaphezulu kwemi-2 kumyinge osikelwe ubudala beqela lebakala elithile okanye abakhe baphuma esikolweni iinyanga ezi-6 okanye nangaphezulu mabacetyiswe ukuba babhalise kwikholeji yeFET okanye kwiziko leMfundo noQeqesho lwaBadala (ABET).

QAPHELA:  Kwiindawo ezisemaphandleni umlawuli we-EMDC unokumvumela umfundi ongaphezu kobudala obumiselweyo ukuba agqibezele imfundo yakhe ephela kwiBakala 12 kwesona sikolo sikarhulumente sikufuphi sifanelekileyo kuphela xa kungekho ndlela konke konke yokuba loo mfundi aye kwikholeji yeFET okanye kwiziko lakwa-ABET yaye kube kukho isithuba sokufundela anokusifumana umfundi lowo kweso sikolo sichaphazelekayo.

(c)

Xa umfundi esenza isicelo sobhaliso kwisikolo sikarhulumente kumaBakala 10 - 12, kufuneka eze namaxwebhu amiselweyo njengoko efuneka ngokweZiqendu 15 - 18 zoMthetho woMgaqo-nkqubo wezeMfundo kaZwelonke (uMthetho 27/1996), yaye makulandelwe ngqo iinkqubo ezimiselweyo.

i. Ukuba akakho amaxwebhu akhankanywe apha ngasentla buze bube bungenaku-ngqinwa ukudala okanye ibakala lomfundi weBakala 10 - 12, loo mfundi makathunyelwe kwikholeji yeFET ukuba aye kuvavanywa ukuze afakwe nokuba kukwiziko lakwa-ABET okanye kwikholeji yeFET, ngokuxhomekeka kubudala bakhe nakwinqanaba lemfundo yakhe.
ii. Umfundi ololu hlobo angabhaliswa okwethutyana esikolweni okanye kwikholeji yeFET elona thuba lide libe zinyanga ezi-3 ngexa kusalindelwe amaxwebhu afunekayo okanye de kugqitywe inkqubo yovavanyo lokuba afakwe kweyona ndawo ifanelekileyo yokufumana imfundo. Mabachazelwe abazali nabafundi ngolu bhaliso lwethutyana.
3.2.2 Abafundi abangaphezu kobudala obumiselweyo abakwisikolo sikarhulumente
(a)

Imiqathango emayilandelwe xa kufakwa umfundi kwenye iprogram efanelekileyo:

Umfundi ofunda kwiBakala 9 ukuya kwele-12 kwisikolo sikarhulumente nodlule Ngaphezu kweminyaka yelo bakala yesiqhelo ngeminyaka emi-2 yobudala, makathunyelwe kwisikolo seELSEN sezakhono, kwiziko lakwaABET okanye kwikholeji yeFET ukuba

  • loo mfundi uliphinde kabini ibakala yaye akukho nkqubela ibonakalayo nelindeleke kwelo qela loontanga bakhe okanye kwiqela lebakala lakhe

  • iprogram yesikolo ayihlangabezani neemfuno zakhe yaye kuya kuba yeyona nto efanelekileyo nebhetele kuye ukuba enze enye iprogram yoqeqesho efanelekileyo

  • ngokwerekhodi umfundi usihamba kakubi isikolo, ngamanye amazwi akezi esikolweni iintsuku ezingama-40 ngonyaka, oku kungabangelwanga yimeko yokungaphili okanye yokukhulelwa.

(b) Umfundi ololu hlobo okwiziko leMfundo noQeqesho ngokuBanzi (GET) ongaphezu kobudala obumiselweyo makathunyelwe kwisikolo se-ELSEN sezakhono, kwiziko lakwa-ABET emva kovavanyo. Umfundi okumaBakala 9 kuye ku-12 angathunyelwa kwikholeji yeFET. Ezi ndlela zizezinye neeprogram ezifaneleke ngakumbi ziya ku nika umfundi ololu hlobo ithuba elibhetele lokuqhubela phambili nelokuzilungiselela ubomi.
(c) Ukususela ku-2005, akukho bafundi abasele bephumelele ibakala 12 okanye ibanga elilingana neli baya kunikwa nasiphi na isithuba sokufundela kwisikoko sikarhulumente ngenjongo yokuba benze iiprogram ezizodwa zokuqhubela phambili okanye zokuvala izikhewu (bridging programmes) ngethuba leeyure zesikolo eziqhelekileyo

3.3 Imisebenzi yezikolo yokunika ingcebiso nenkxaso
(a) Makubekho iprofayili yomfundi echaza banzi kakhulu ngomfundi (comprehensive learner file) emazenzelwe bonke abafundi abayanelisayo le miqathango ekhankanywe apha ngasentla yabafundi abangaphezu kobudala obumiselweyo ukwenzela ukuba kumane kujongwa kuyo. Le profayili mayichaze ngokunzulu amanyathelo athathwe sisikolo, kunye neentlobo zenkxaso evela esikolweni nongenelelo ngoncedo olwenziwe ziiNkonzo zokuNika iNkxaso kwiMfundo eneeMfundo eziZodwa ze-EMDC kuloo mfundi. Ingasetyenziselwa kwakhona ukutsalela ingqondo kuqwalaselo lwemibandela ephathelele kwiingxaki zezentlalo kunye/okanye zesimilo nokungahambi sikolo.
(b) Abafundi abakumacandelo eFET ne-ABET abafuna olu ncedo bangaya nabo kwi-EMDC echaphazelekayo ngokumalunga noku.
(c) Ukunikwa ingcebiso ngamakhondo emisebenzi (career guidance)

Ukunikwa ingcebiso ngamakhondo emisebenzi makubekwe phambili kakhulu kuso sonke iSigaba saBadala (Senior Phase) kwicandelo leFET.
(i) Abafundi nabazali babo okanye nabagcini babo (guardians) mabaxelelwe ngezinto ezininzi abangazikhetha kwicandelo leFET ezikholejini kunye nangamakhondo emisebenzi nangamathuba emisebenzi akhoyo kwimizi-mveliso. Mabanikwe ingcaciso ecacileyo ngokumalunga nangamathuba okuxhaswa ngemali kwiikholeji zeFET. Izikolo mazicele iikholeji zeFET ukuba zize kuchazela abafundi ngamathuba amakhondo emisebenzi noqeqesho akhoyo.
(ii) Abafundi nabazali babo okanye nabagcini babo mabaxelelwe ngamathuba akwicandelo leMfundo noQeqesho oluPhakamileyo (kwiiiyunivesithi zethekhinoloji neeyunivesithi zezifundo-nzulu (academic)) nokuba imfundo noqeqesho zimiswe njani na kwiNational Qualifications Framerwork).


4. Ngosuku lweshumi lwesikolo zivuliwe izikolo kunyaka ngamnye, iintloko zezikolo mazinike umlawuli we-EMDC, kodwa ngokuthi ziqale ziwadlulise kumphathi wesekethe wazo, amaxwebhu obhaliso lwabafundi esikolweni ngokwebakala, ngokwenani nangobudala kwisithuba sokufundela ngasinye, kunye nelona nani kanye lamagumbi okufundisela nezinye izithuba zokufundela ezikhoyo ezisetyenziswa sisikolo. Abaphathi beesekethe bangatshekisha iirejista zezikolo namaxwebhu obhaliso lwabafundi yaye banokucela ukubona amaxwebhu ayimfuneko ukwenzela ukuqinisekisa ukuba uyathotyelwa lo mgaqo-nkqubo nokuba abafundi abafikelele kubudala bokuhamba isikolo abadlelwa ndlala nangayiphi na indlela.

5. Lo mgaqo-nkqubo usebenza kuzo zonke izikolo zikarhulumente kwaye iintloko zezikolo namabhunga olawulo makathobele imigqaliselo ngokuthe ngqo angatyeki nakancinane kuyo.

6. Nceda wazise ootitshala kunye namalungu ebhunga lolawulo ezikolo nabo bonke abanye abantu abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo. Ootitshala mabasayine ifom ehamba kunye nale setyhula baze babhale nomhla njengobungqina bokuba bayakwazi okuqulathwe yile setyhula. Emva koko ifom nesetyhula mazifakwe kunye efayilini.


ISAYINWE: R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:04

ACKNOWLEDGEMENT OF RECEIPT OF INFORMATION  (ubukhulu: 6 KB)