1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyazi ukuba kukho abaqeshwa (ootitshala nabasebenzi benkonzo karhulumente) abaneenjongo zokuzigqatsela unyulo oluzayo (unyulo loomasipala, lwephondo nolukazwelonke).

2. Lo gama kusaziwa ukuba banelungelo abaqeshwa lokulandela ikhondo lezopolitiko, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liyayingqina into yokuba umgaqo-siseko welizwe lethu ubethelela ukuhoywa kwamalungelo omntwana. Ngako oko ke, iimfuno zezemfundo zabo bonke abantwana beli Phondo zezona zibaluleke kakhulu yaye iSebe leMfundo leNtshona Koloni libophelelekile ukuba liqinisekise ngelungelo labafundi lokuba babe kwindawo enocwangco nekhuselekileyo engaphazamisaniyo nezifundo.

3. Xa kuthathelwa ingqalelo oku kulapha ngasentla, yaye kungashenxwanga nje nakancinane kwilungelo lomqeshwa lokuba azigqatsele unyulo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni licebisa oku kulandelayo:
3.1 AMAPHULO OKUGAYA IIVOTI NGAPHAMBI KONYULO
3.1.1 Akukho mqeshwa makaqhubele phambili iinjongo zakhe zezopolotiko ngexesha le-ofisi/lesikolo.
3.1.2 Bonke abaqeshwa abanenjongo yokugaya iivoti (zonyulo loomasipala, lwephondo nolukazwelonke) ngexesha leeyure zesikolo/ze-ofisi mabafake isicelo sekhefu lokungabikho emsebenzini ukulungiselela le njongo kwiNtloko yeSebe leMfundo yaye makanikwe imvume phambi kokuba aqalise ngephulo lakhe lokugaya iivoti. Makulandelwe inkqubo eqhelekileyo yokufaka isicelo sekhefu lokungabikho emsebenzini yaye mayizinze engqondweni into yokuba iimfuno zomntwana ziya kubekwa phambili kunye/okanye imfuneko yokwenziwa kweenkonzo liziko lemfundo/yi-ofisi xa kusenziwa isigqibo sokuba linikwe na ikhefu lokungabikho emsebenzini.
3.1.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni alisayi kunika mqeshwa naphantsi kwayo nayiphi na imeko ikhefu lokungabikho emsebenzini ngeenjongo zokuncedisa omnye (kungakhathaliseki nokuba ngaba loo mntu ungumqeshwa weSebe leMfundo leNtshona Koloni, okanye akanguye) ekugayeni iivoti zonyulo.
3.1.4 Ukuba uthi nawuphi na umqeshwa okhankanywe kumhlathi 3.1.2 apha ngasentla atyeshele ukwenza isicelo sekhefu lokungabikho emsebenzini, okanye angabikho emsebenzini nakuba enganikwanga khefu loko, unokuthathelwa inyathelo loluleko (disciplinary action).
3.1.5 Kwimeko yamaziko emfundo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni aliyi kubonelela ngootitshala abaya kubambela abo bangekhoyo emsebenzini ukulungiselela iinjongo zokugaya iivoti.

3.2 INKQUBO EMVA KONYULO
3.2.1 Abantu ababambe izikhundla zopolitiko ngokusisigxina

Umqeshwa onyulwe ngokusisigxina kwi-ofisi yezopolitiho (kwiPalamente yeZwelonke okanye yePhondo okanye kumabhunga oomasipala - njengosodolophu oyintloko (executive mayor), njengesekela-sodolophu oyintloko (deputy executive mayor), njengosomlomo (speaker), njengamalungu ekomiti kasodolophu, njengombali-zivoti (single whip) okanye njengoceba osisigxina (full-time councillor) uya kufumana umvuzo osisigxina yaye ngenxa yoku kuya kufuneka alahle (resign) kwisithuba sakhe sokuqeshwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni. (Qaphela ukuba abaqeshwa bakarhulumente abavumelekile nakanye ukwamkela imivuzo emibini evela kurhulumente.)

3.2.2 Abantu ababambe izikhundla zopolitiko ngokungesosigxina (ooceba bamabhunga oomasipala)
(a) Akukho mqeshwa makaqhubele phambili iinjongo zakhe zezopolotiko ngexesha le-ofisi/lesikolo.
(b) Abaqeshwa abanyulelwe kubamabhunga oomasipala njengooceba abangesosigxina baya kufumana umvuzo ngokusebenza kula mabhunga yaye mabakhumbule ukuba ngaphandle kokuba iimeko zengqesho zomqeshwa zibonelela ngandlela yimbi, akukho mqeshwa uya kuthi engakhange afumane mvume yomqeshi enze okanye avume ukwenza umsebenzi ohlawulelwayo emva kwexesha lesikolo okanye lomsebenzi wakhe ongokomthetho. Ngako oko ke abaqeshwa abanyulelwe kumabhunga oomasipala njengooceba abangesosigxina mabafake izicelo ezibhaliweyo kwiNtloko yeSebe leMfundo (kodwa ziqale zihambe ngamajelo onxibelelwano asemthethweni) bacele imvume yokwenza omnye umsebenzi ohlawulelwayo.
(c) Isicelo eso, nemasingeniswe zingaphelanga iintsuku ezingamashuni amabini ananye emva kokuba umqeshwa lowo onyuliwe, masinike le ngcaciso ilandelayo:
  • Indlela umqeshwa aya kuqinisekisa ngayo ukuba umsebenzi wakhe njengoceba awusayi kuphazamisana nangayiphi na indlela nomsebenzi wakhe ongokomthetho (ingakumbi kwimeko katitshala onoxanduva ngakubafundi bakhe). Ngokumalunga noku, bayakhunjuzwa ootitshala ukuba ngokweSetyhula 21/1999 nangokwesiGqibo 7/1998 kufuneka besemsebenzini kwisikolo eso ubuncinane iiyure ezisixhenxe ngosuku ngalunye.

  • Kwimeko yabaqeshwa abakumaziko emfundo makubekho ileta ehamba kunye nesicelo eso evela kwibhunga lolawulo, evakalisa uluvo lwamalungu ngesigqibo somqeshwa okwiziko lemfundo sokuthatha inxaxheba kwimisebenzi yebhunga likamasipala ngethuba leeyure zesikolo. Ukongeza, ileta leyo mayicacise ukuba ngaba ibhunga lolawulo elo liya kwenza malungiselelo mani na angamanye okuvala indawo yaloo mqeshwa ungekhoyo ngaphandle kokuphazamisa inkqubo yokufundisa apho kwelo ziko lemfundo.

  • Kwimeko yabasebenzi abasezi-ofisini (ootitshala nabasebenzi benkonzo karhulumente) isicelo eso masikhatshwe yincwadi evela kumlawuli engeengcebiso/engezimvo zakhe.

(d) Apho kubonwa kuyimfuneko nalapho kusebenzayo oku, iNtloko yeSebe leMfundo iya kuqwalasela irekhodi yenkonzo yomqeshwa xa ivavanya isicelo sakhe.
(e) Abaqeshwa abanyulelwe kubamabhunga oomasipala njengooceba abangesosigxina mabaqaphele la manyathelo alandelayo:
  • Akavunyelwa umqeshwa ukuba enze naluphi na uhlobo lomsebenzi webhunga likamasipala kumasango esikolo kunye/okanye ngexesha leeyure zomsebenzi (zesikolo) ezisemthethweni.

  • Ukuba kuthi kufuneke umqeshwa enze naluphi na uhlobo lomsebenzi webhunga likamasipala ngexesha leeyure zomsebenzi (zesikolo) ezisemthethweni, makafake isicelo sekhefu lokungabikho phambi kokuba kuqale ithuba lokungabikho kwakhe emsebenzini. Oku kuthetha ukuba akasayi kuthi umqeshwa ochaphazelekayo ashiye indawo yakhe yomsebenzi ngaphandle kokuba ulifumene ikhefu lokungabikho emsebenzini alinikwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni. Ukuba uthi uqeshwa angawanelisi lo mqathango, akayi kufumana mvuzo ngelo thuba asekhefini yaye, ukongeza, unokuthathelwa amanyathelo oluleko (disciplinary steps) ngesi senzo.

  • Ngaphandle kokuba kunikwe imvume kuqala yokuba athathe ikhefu ngokuthi kusetyenziswe amajelo okuhanjiswa kwekhefu afanelekileyo, akasayi kukhululwa umqeshwa kuxanduva lwakhe neemfanelo zakhe njengomqeshwa ngesizathu nje sokuba aye kwenza imisebenzi yebhunga ngexesha leeyure ze-ofisi/zesikolo.

  • Izibonelelo zesikolo/zeSebe leMfundo leNtshona Koloni, ezibandakanya imihlaba yesikolo/yesebe kunye/okanye abasebenzi nabafundi, azisayi kusetyenziselwa ukuqhubela phambili iinjongo zebhunga likamasipala nguqeshwa onguceba (employee-councillor) ngexesha leeyure ze-ofisi/zesikolo.

  • Ukuba uthi umqeshwa atyeshele, ale okanye angakwazi ukuzalisekisa imfanelo yakhe esemthethweni ngenxa yomsebenzi webhunga likamasipala okanye ngenxa yezinye iimbophelelo, oko kutyeshela, kwala okanye ngakwazi kuzalisekisa imfanelo yakhe kuya kuthathwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni njengokwaphula mpela ubudlelwane phakathi komqeshi nomqeshwa yaye kungakhokelela ekuthathweni kwamanyathelo olukelo ngakuloo mqeshwa.

  • Zonke izikolo eziphantsi kolawulo lweSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokwenjenje ziyaziswa ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni alisayi kuqesha bantu bokubambela abaqeshwa abangooceba abasebenza ngokungesosigxina.

4. IMITHETHO ESETYENZISIWEYO

Le mithetho ilandelayo, xa kuthathelwa ingqalelo iSiqendu 19 seSahluko 2 soMgaqo-siseko weRiphabkili yoMzantsi Afrika, yiyo ekhokele la manyathelo omgaqo-nkqubo ochazwe apha ngasentla:


4.1 OOTITSHALA
  • ISiqendu 33(1)(b) soMthetho weNgqesho yooTitshala, 1998

  • ISetyhula 21/1999

  • ISigqibo 7/1998 seBhunga lezeMfundo lezobuDlelwane eMisebenzini (ELRC).

4.2 ABASEBENZI BENKONZO KARHULUMENTE
  • ISiqendu 30(b) soMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994


5. IZINTO NGOKUBANZI

Umqeshwa unokucela iSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba lisiqwalasele kwakhona isigqibo salo elisithathileyo esiphathelele kule setyhula ngokuthi angenise ileta ebhaliweyo exhasa uluvo lwakhe olo zingadlulanga iintsuku ezingama-21 zokuba azile ngesigqibo eso.

Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo nabalawuli ukuba bancede baqinisekise ukuba okubhalwe kule setyhula kuthathelwa ingqalelo ngabo bonke abasebenzi nokuba umntu ngamnye ochaphazelekayo uyayisayina le setyhula.



ISAYINWE: NGU- R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:03