1. Ngenxa yeSetyhula 0139/2003 yowe-18 Juni 2003 kufike eminye imiyalelo esusela kwimvumelwano ekwafikelelwa kuyo nabeBhunga eliKhulu loThetha-thethwano neMibutho yaBasebenzi (Central Bargaining Chamber), evela kwiSebe leNkonzo kaRhulumente nezoLawulo (Department of Public Service and Administration). Zezi ezona ngongoma ziphambili kwezi zilungiso bezixoxwa nekufikelelwe ezigqibeni ngazo:
1.1 Utshintshaniswa kokunikwa iwotshi yesihlahla njengebhaso lokugqiba inkonzo eminyaka engamashumi amathathu ngokuthi endaweni yako unikwe imali engama-R3 000 ukususela ngowoku-1 Apreli 2003
1.2 Ukuguzulwa kwemfuneko yokuba makube yinkonzo encomekayo neyanelisayo okokoko
1.3 Ukumana sihlaziywa qho ngonyaka esi sixa-mali silapha ngasentla ngokungqinelana neConsumer's Price Index

2. Ukwenzela ukuba sisebenze ngokwenene esi Sigqibo 6/2003 sePSCBC, kunye nemigqaliselo ekwileta ebhalwe umhla wama-22 Septemba 2003 yeSebe leNkonzo kaRhulumente nezoLawulo, kuza kusebenza la malungiselelo ethutyana alandelayo:
2.1 Umqeshwa/utitshala owagqiba inkonzo engazange iqhawulwe yeminyaka engama-30, ngomhla okanye ngaphambi komhla wama-31 Matshi 2003, nowathi, ngokweCandelo XXVIII leSigqibo 3/1999 sePSCBC, wafaneleka ukuba afumane iwotshi yesihlahla, unokunikwa ithuba lokuzikhethela phakathi kokufumana iwotshi yesihlahla njengoko kuchatshazelwe kwiSigqibo 3/1999 sePSCBC okanye isixa-mali esingama-R3 000 njengoko kucacisiwe kwiSigqibo 6/2003 sePSCBC.
2.2 Kwimeko apho umqeshwa/utitshala ochatshazelwe kumhlathi 2.1 apha ngasentla akhetha iwotshi yesihlahla, mayithengwe kwimizi yentengiso ngokusebenzisa inkqubo yokuthenga izinto esetyenziswa liSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokwalo ngokwemiyalelo ekhutshwa nguMphathiswa weSebe leNkonzo kaRhulumente nezoLawulo.
2.3 Umqeshwa/utitshala ololu hlobo ogqibe inkonzo yeminyaka engama-30, akayi kufumana zombini, iwotshi yesihlahla kunye nesixa-mali esingama-R3 000. Ngamanye amazwi, ukuba umqeshwa/utitshala, unikwa iwotshi yesihlahla ngokweSigqibo 3/1999 sePSCBC, akanalungelo lokuphinde afumane isixa-mali esingama-R3 000 okanye ukuba unikwe isixa-mali esingama-R3 000 akanalungelo lokuphinde afumane iwotshi yesihlahla.

3. Ukwenzela ukunceda abaqeshwa/ootitshala ekukhetheni kwabo iiwotshi zesihlahla, ukuba bakhethe iiwotshi, kuqhotyoshelwe apha iikopi zeebrowutsha kunye neenkcukacha (specifications) kwanamaxabiso entengo yazo. Ngelishwa asibanga nako ukufumana iibrowutsha ezinemifanekiso enemibala yokunika onke amaziko emfundo/amacandelo ahlukeneyo eli Sebe leMfundo.

4. Bayacelwa abaqeshwa/ootitshala abafanelekileyo ukuwongwa kwithuba eliya kutsho kowama-31 Matshi 2003 ukuba bazalise le fom yokuzikhethela eqhotyoshelweyo ngokumalunga newotshi yesihlahla okanye nesixa-mali esingama-R3 000 nokuba bacacise gca ezo wotshi bazikhethayo, malunga nohlobo, inombolo yayo (type and model number), ukuba bakhethe iiwotshi. Iza kuhlala isebenza imigqaliselo esisiseko emiselweyo malunga nokutshintsha iintsuku zekhefu ezili-10 emva kwenkonzo yeminyaka engama-20 neentsuku ezili-15 emva kwenkonzo yeminyaka engama-30 zibe yimali kunye nokukhutshwa kwezatifikethi njengoko ichazwe ngokuzeleyo kwiSetyhula 216/2003.

5. Ifom yokuzikhethela ezaliswe zonke iinkcukacha mayithunyelwe ngokumalunga nabasebenzi abangootitshala kuMnu MK Galant, Room 10-06, kuze ngokumalunga nabasebenzi abangezootitshala ithunyelwe kuNksk PD Phillips, Room 10-11, Grand Central Towers, kwidilesi eboniswe kwilethahedi (letterhead).

6. Okona kubalulekileyo ngokumalunga nenkonzo kukuba makube yinkonzo engazange iqhawulwe yeminyaka engama-20 okanye engama-30 kwisebe likarhulumente, kwisikolo sikarhulumente okanye kwisikolo esixhaswa ngemali ngurhulumente okanye kwiziko likarhulumente elimisebenzi yalo nabasebenzi balo batshintshelwa kwiNkonzo kaRhulumente nokuba loo mqeshwa/titshala makabe uqeshwe okanye wayeqeshwe phantsi koMthetho olawula ingqesho kwizithuba ezivunyiweyo ezabelwe ngokusemthethweni la maziko akhankanywe apha ngaphambili.

7. Ibhaso elisisixa-mali esingama-R3 000 liya kuxhuzulwa irhafu ngomthetho werhafu osebenzayo ngoku.

8. Uyacelwa ukuba wazise bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho abafanelekileyo okanye abaya kufaneleka ukuba bawongwe ngenkonzo yabo ende, okubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: NGU- J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:02


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).