1. Minyaka le uMbutho wamaLungelo oMculo waseMazantsi e-Afrika (Southern African Music Rights Organisation (SAMRO)) unika iintllobo ezine zeebhasari ezilawulwa nguSAMRO Endowment for the National Arts. Lo mbutho ucele ukuba ninikwe le ngcaciso ilandelayo.

2. Ezi bhasari zifunyanwa ngabafundi abafunda ezi ndidi zomculo, umculo wesintu wakudala (traditional), weklasikhi (serious), wejezi (jazz) okanye wakutsha nje (popular music) eyunivesithi, ethekhinikhoni okanye kwelinye iziko lemfundo ephakamileyo elaziwayo (recognised institution of tertiary education).

3. Nazi iindidi zeebhasari ezifumanekayo:
3.1 Iibhasari ezixabisa R8 500 inye, ezinikwa abafundi abakunyaka wokuqala nowesibini
3.2 Iibhasari zeSifundo seMfundo kwezoMculo (Music Education) ezixabisa R7 500 inye, ezinikwa abafundi abakuye nawuphi na unyaka wokufundela isidanga sokuqala
3.3 Iibhasari zesifundo sokufundela ukuqamba umculo (intermediate bursaries for composition study) ezixabisa R9 000 inye, ezinikwa abafundi abenza isidanga sokuqala (kodwa sele bekunyaka wesithathu okanye wesine kweso sidanga okanye abakwinqanaba lee-onazi (honours level), okanye exabisa ama-R6 000 inye, ezinikwa abafundi abasele benaso esokuqala isidanga besenza ngoku esinye (isidanga semastazi okanye sobugqirha).
3.4 Amabhaso okwenza uphando abafundi abasele benaso esokuqala isidanga besenza ngoku esinye isidanga (post-graduate) axabisa R5 500 lilinye, elinikwa abafundi abenza uphando ngomculo wemveli waseMazantsi e-Afrika besidanga semastazi okanye sobugqirha.

4. Abenzi-sicelo mababe ngabemi baseMzantsi Afrika, eBotswana, eLesotho okanye eSwazini.

5. Iikopi zemigaqo neefom ezimiselweyo ngokusesikweni zifumaneka kulo
The Secretary: Board of Trustees
SAMRO Endowment for the National Arts
PO Box 31609
BRAAMFONTEIN 
2017
(Ifoni 011 489 5000)

Umhla wokuvala ukwamkelwa kwezicelo ngowe-15 Februwari 2004.


6. Yonke imibuzo emalunga nezi bhasari mayibhekiswe ngqo kuSAMRO.

7. Nceda wazise bonke ootitshala bomculo nabafundi abakhoyo ngoku nabangaphambili, kangangoko oku kunokwenzeka, okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:04