1. Ingcaciso
1.1 ISebe leMfundo leNtshona Koloni likhupha amaxwebhu angemilinganiselo yomgangatho (unit standards) ngamnye wenkalo yesifundo nganye. La ngamaxwebhu achaza isigaba esibaluleke kakhulu ekufikelelwa kuso kwezemfundo okanye isiphumo sokufundiweyo ekufuneka sikhutshelwe uxwebhu olusemthethweni lokusingqina. Olu xwebhu lubandakanya ubungqina bomsebenzi owenziweyo kwanemigangatho ebekiweyo emakufikelelwe kuyo.
1.2 Imilinganiselo yomgangatho ichaza iziphumo, intsebenzo esemgangathweni (standard performance) efunekayo nokuba yintoni na ekufuneka ivavanyiwe. Ngako oko ezi zinto, zichaza isiphumo sento efundiweyo, hayi inkqubo yokufunda.

2. Imihla yokukhutshwa nokuhlaziywa kwemilinganiselo yemigangatho
2.1 Umhla wokukhutshwa komlinganiselo womgangatho ngumhla apho iGunya leZiqinisekiso laseMzantsi Afrika (South African Qualifications Authority - SAQA) libhalisa umlinganiselo womgangatho kwi-National Qualifications Framework.
2.2 Umhla wokuhlaziywa komlinganiselo womgangatho lithuba apho kufuneka ube sele usebenza umlinganiselo womgangatho phambi kokuba kube nokwenziwa uhlaziyo nokubhaliswa kwakhona kwawo. Ithuba lokuhlaziywa kwawo elimiselwe yi-SAQA njengangoku yiminyaka emithathu.

3. Ukugcinwa nokusetyenziswa kwamaxwebhu emilinganiselo yemigangatho
3.1 Ngumsebenzi wabaphathi bamaziko ukuqinisekisa ukuba bonke ootitshala banazo iikopi zamaxwebhu emilinganiselo yemigangatho zakutshanje.
3.2 Mayifakwe efayilini iseti yamaxwebhu entsusa (original) emilinganiselo yemigangatho igcinwe kwindawo ekhuselekileyo nenqatyisiweyo..
3.3 Kubalulekile ukugxininisa kootitshala nakubaphathi bamaziko ukuba amaxwebhu emilinganiselo yemigangatho ayipropathi yeZiko leMfundo loLuntu (Community Learning Centre - CLC). Ukuba utitshala okanye ilungu lekomiti yolawulo liyayeka ukusebenzela iziko lemfundo loluntu, maliwabuyise amaxwebhu emilinganiselo yemigangatho okanye maliwanikezele.
3.4 Ukuthintela ukudideka kwengqondo, kubalulekile ukuba iidrafti zamaxwebhu ngamaxwebhu emilinganiselo yemigangatho zigcinwe, kodwa ziphawulwe ngokucacileyo ukuba azisasetyenziswa.
3.5 ICandelo: LezoPhuhliso leKharityhulam kunye/okanye ii-EMDC ziya kwazisa amaziko emfundo oluntu (CLC) ngazo naziphi na iinguqu ezenziwe kumaxwebhu emilinganiselo yemigangatho, yaye ziya kubonelela la maziko emfundo oluntu (CLC) ngamaxwebhu ahlaziyiweyo.

4. Izihloko zemilinganiselo yemigangatho ezibhaliselwe u-2004
4.1 Annexure A sibonelela abaphathi bamaziko nootitshala ngesishwankathelo sezihloko zemilinganiselo yemigangatho ekhoyo ngoku kunye neziphumo ezitsolileyo (specific outcomes).
4.2 Esi sishwankathelo sezihloko sinokusetyenziswa ngabaphathi bamaziko ukutshekisha ukuba ngaba iikopi ezisetyenziswayo liziko lemfundo elo zisasebenza na.

5. Inkxaso
5.1 Bayafumaneka kwi-EMDC aBacebisi ngezeKharityhulam beMfundo yaBadala (ABET) ukwenzela ukubonelela abakulawulo lwamaziko ngeengcebiso xa oko kuyimfuneko.
5.2 Umcebisi ngezekharityhulam weMfundo yaBadala (ABET) uya kubiza ingcali kwezekharityhulam okanye uMcwangcisi wezeKharityhulam oyiNtloko: KwiCandelo leKharityhulam ye-ABET xa oko kuyimfuneko ngenjongo yokunika inkxaso engaphezulu.


ISAYINWE:NGU- P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:11:27

Annexure A (summary of the current unit standard titles and specific outcomes)  (ubukhulu: 37 KB)