1. Njengenxalenye yenyathelo elikhokelela ekuqalisweni kweeNgcaciso zeKharityhulam kaZwelonke kwiBakala 10 ngowe-2006 iSebe leMfundo leNtshona Koloni lilungise iKhithi yokuQhelaniswa neeMidiya ezininzi neza kudlala indima ebaluleke kakhulu kwezemfundo. Ziinjongo zale nkqubo ukuba makubekho ukuqhelaniswa nokufundisa novavanyo okwenziwa kwizigaba ngezigaba - kuqukwa nendlela imibuzo ebuzwa ngayo nevavanywa ngayo kumaphepha emibuzo eemviwo zeMatriki - ukwenzela ukuba indlela esa kwinkqubo ye-OBE ihanjwe kakuhle ngamanqanaba ngamanqanaba kwaye ibe phantsi kolawulo.

2. Kukho izinto ezifika zibe yimiqobo ekukhetheni iindlela zoqeqesho ezenziwa kukungabikho kwexesha, ziindleko zokuhamba nokungabilula kokuhamba. Ukongeza, abafani abantu ngolwazi abanalo, izinto abanomdla kuzo okanye iindlela zokufunda zabo. Ngako oko ke iSebe leMfundo leNtshona Koloni liye lavelisa iKhithi yokuQhelaniswa neeMidiya ezininzi (the Multi-media Orientation Kit) yokulungiselela ukuzifundela komfundi “ngesantya esimlungeleyo” (learner-paced) ngendlela elungele yena (learner-based”). Le Khithi iza kwenza ootitshala baqhelane nale nkqubo intsha kwaye bakwazi ukulawula ngempumelelo le kharityhulam intsha kwiCandelo le-FET. Abenzi bophando baza kubeka iliso kwimpumelelo yolu qeqesho umntu azenzela ngokwakhe kuloo ndawo akuyo (distance training).

3. Le Khithi ineCD-ROM, iividiyo ezi-2, incwadana esisikhokelo kunye nestifi ekunokukotshelwa kuso (master stiffy). Esi sixhobo sokufunda silungiselelwe imeko yaye siza kwenza kube lula kwizikolo nakubantu ngabantu ukwenza ufundo-nzulu nge-OBE, iindlela zokufunda nokucwangcisa ngohlobo oluya kuthi lufanele yaye lulungele iimfuno zabo nokungabinaxesha laneleyo.
3.1 Ootitshala baya kuba nako ukuyisebenzisa bona ngokwabo le CD-ROM. Okulapho kuyo kubhalelwe iSebe leMfundo leNtshona Koloni ziingcali zamakhondo azo. Le CD-ROM inamaphepha abhaliweyo angama-300 neziqwengana zeevidiyo ezingama-30 ezifotwe eNtshona Koloni.
3.2 Iividiyo ziya kuba ngundoqo weentlanganiso zootitshala ezimbini, ezilungiselelwa ithuba leeveki ezisi-8 ezinikana isithuba, o.k.t. iiveki ezisi-8 ezilandelelanayo emva kokuqaliswa kwenkqubo kunye nelesibini eliveki zisi-8 ezilandelelanayo emva koko. Ithuba elinikiweyo phakathi kwazo lelokunika ootitshala ixesha lokuphicotha i-CD-ROM bakwenze oko ngexesha labo lokuzithandela.

4. Nazi iimodyuli ezikule CD-ROM:
4.1 Learning under Review, ejongisisa iindlela zokufundisa nokufunda kunye nokusebenza kwengqondo okuquka iikhwizi zabasebenzisa la mancedo ukujonga izimbo zabo;
4.2 What makes OBE tick?, enesishwankathelo ngenkqubo yemfundo kwamanye amazwe ehlabathi, ikwachaza iminqweno yabazali nabafundi ize ibonise udliwano-ndlebe nootitshala malunga neZiphumo ezinguNdoqo (Critical Outcomes) xa befundisa; nale
4.3 OBE in Action enamacandelo angolawulo ngempumelelo lweemeko ezahluka-hlukeneyo, uvavanyo, ucwangciso, inxaxheba edlalwa ziiNcwadi neziXhobo zokuXhasa iMfundo kunye nendlela yokuzikhetha.

5. Le ndlela yenziwe ngayo yenza kubekho uthatho-nxaxheba macala apho abasebenzisi-nkqubo bakhuthazwayo ukuba bagcine iijenali zeempendulo zabo kwikhopyutha. Le jenali yeyona yenza ipothifoliyo nekuza kujongwa kuyo ukuze unikwe isatifikethi. Bayakhuthazwa abasebenzisi-nkqubo ukuba baphicothe le mingxilo ngokomdla wabo neemfuno zabo, baze bajongane ngqo nemiba ehlokohla ingxoxo netshis’ ibunzi.

6. I-CD-ROM inokufakwa kwiikhompyutha ezininzi kangangoko kufunwa. Nakuba kunjalo, kuza kufuneka utitshala ngamnye abe nestifi esinye aza kugcina kuso okubhalwe kwijenali ukuba usebenzisa iikhompyutha ngeekhompyutha ngethuba lokufunda.

7. IiKhithi ziya kukhutshwa zii-EMDC nekuya kuba zizo eziququzelela ukubamba iiseshoni zokuqhelaniswa nazo kwanokuzabela izikolo ekuqaleni konyaka omtsha ozayo. Zonke izikolo zikarhulumente ziya kunikwa iiKhithi. Izikolo ezizimeleyo zingazithenga kwa-Edumedia. Khangela apha xa ufuna iinkcukacha malunga noku http://edumedia.wcape.school.za/catalog .

8. Njengangoku ii-EMDC zenza izicwangciso zokuqinisekisa ukuba izikolo ezingena-malungiselelo aneleyo ekhompyutha ziza kunikwa inkxaso ekusetyenzisweni kwesi sixhobo sokufundisa sidala umdla ongaka. Kuza kwenziwa akwazi ukufumaneka amalungiselelo eekhompyutha yaye baza kuqeqeshwa banikwe nenkxaso ekusebenziseni iikhompyutha (technical support) bonke abo basandula kuqalisa ukuzisebenzisa.


ISAYINWE: NGU- J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:11:21