1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula  0167/2003 enika umhla we-15 Matshi kunyaka ngamnye njengomhla wokuvalwa kobhaliselo loViwo lweMatriki.
2. Minyaka le kubakho intloko zamaziko emfundo eziye zivumele abaviwa ukuba batshintshe amahlelo de batshintshe nezifundo kwintsukwana nje phambi kokuba babe balindeleke ukuba babhale uviwo lweMatriki. Oku akuvumelekanga, ngako oko ke kuthathwa ngokuba sisitenxo (irregularity) kwinkqubo yoviwo. Akukho mthetho othi abaviwa abalolu hlobo baya kuvunyelwa ukuba bazifumane iziphumo zezifundo abazibhale ngokungachanekanga emva kokuba kudlule ixesha elithile, nakuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni selikhe lakwenza oku kwixesha elidlulileyo. Ngokwemithetho abaviwa mababhale kuphela izifundo ngaloo mahlelo babhalisele wona. Oku kuthetha ukuba kuseselungelweni leSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuvakalisa ukuba iziphumo kwezo zifundo zibhaliweyo, kodwa aze abe umviwa engabhaliselanga zona, zililize nento engekhoyo (null and void). Ngako oko ke umviwa angaphinde abhalisele uviwo lwangoNovemba olulandelayo.
3. Iintloko zamaziko emfundo zinoxanduva lokubhalisela abaviwa bazo ngokuchanekileyo (iiSetyhula  0193/2003 no-0137/2002). Ukuqinisekisa ukuba abaviwa kunye nabazali babo bayaziqonda ngokupheleleyo iinkqubo neziphumo zoku, kucelwa zonke iintloko zamaziko emfundo abhalisela abaviwa uviwo lweMatriki ukuba zixelele bonke abazali abachaphazelekayo ngeleta ebhaliweyo ngale mithetho neziphumo zotshintsho olungagunyaziswanga njengoko kucacisiwe kumhlathi 2 apha ngasentla. ABaphathi beeSekethe/amalungu eKomiti yemiba ngemiba yezeMfundo (MFT members) baza kucelwa ukuba baqokelele uxwebhu lweempendulo (response sheet) oluqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) olusayinwe yintloko nganye olubonisa ukuba bonke abazali babafundi abakumaBakala 10 no-11 baxelelwe ngencwadi ebhaliweyo ngale mithetho ilapha ngasentla phambi kokuba kuphele lo nyaka (2003).
4. Izikolo ezininzi zigcina irekhodi yezifundo namahlelo akhethwe ngabafundi bazo ngefom esayinwa yintloko yebakala, yintloko yeziko nangabazali. Kumana kusayinwa le fom qho umfundi akutshintsha amahlelo. Ngokusayina le fom umzali (abazali) ubonisa ukuba uyazivuma izifundo namahlelo enziwa ngumntwana wakhe, nokuba uyazi ukuba umntwana wakhe wenza izifundo eziza kumenza afumane iSatifikethi seMatriki sokuba uyipase gqibi okanye akayipasanga gqibi imatriki. Le fom ingasetyenziselwa ubhaliselo loviwo lweMatriki, njengoko ingcaciso ekuyo kumele ibe yechanekileyo nesayinwe ngamaqela afanelekileyo. Umzekelo wefom enjengale uqhotyoshelwe njengesiHlomelo A.
5. Ziyabongozwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zincede ziwuthathele ingqalelo lo mbandela obaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU- P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:11:19

IsiHlomelo A: IZIFUNDO EZIKHETHWE KUMABAKALA 10 - 12  (ubukhulu: 11 KB)
IsiHlomelo B: ULAWULO LWEZIFUNDO NAMAHLELO – AMABAKALA 10 NO-11  (ubukhulu: 6 KB)