1. Kucelwa nifunde ezi Setyhula 0019/2000, 0041/2001 nale 0163/2002.
2. IBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (South African Council of Educators -SACE) lazise iSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba zonke iititshala eziqeshwa ngaphakathi kwemida yeRiphabliki yoMzantsi Afrika kunyanzelekile ukuba zibhalise kuSACE.
3. Maziqinisekise iintloko zamaziko emfundo ukuba utitshala ovela ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika (ongengommi weli) onephemithi yokusebenza kweli nonqwenela ukufumana isithuba somsebenzi njengotitshala eMzantsi-Afrika, ubhalisiwe kuSACE.
4. Akanako ukuqeshwa ngokusisigxina okanye ngemvumelwano (on contract) utitshala ukuba akabhaliswanga kuSACE.
5. Kwixesha elizayo iinombolo zobhaliso kuSACE zootitshala ababhalisileyo ziya kuvela kumaphetshana abonisa imivuzo yabo (salary advice slips). Kwiimeko apho zingafumanekiyo izatifikethi zobhaliso zikaSACE, amaphetshana abonisa imivuzo eSebe leMfundo leNtshona Koloni ekushicilelwe kuwo inombolo yobhaliso kaSACE aya kuba bubungqina bokuba utitshala lowo ubhalisiwe kuSACE.
6. Iifom zesicelo sobhaliso kuSACE ziyafumaneka kuwo onke amaziko olawulo nophuhliso lwemfundo (EMDC). Iifom ezizaliswe zonke iinkcukacha maziposelwe apha
SACE
261 West Street
CENTURION
0046 
Ifoni 012 663 9517 

Aziyi kwamkelwa izicelo ezithunyelwa ngefeksi.

7. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: NGU- J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:11:13