1. Imfundo ejolise kwiziphumo yaqaliswa kwiBakala 10 ngo-2003 kwaye iya kuqaliswa kwiBakala 11 ngo-2004.
2. Kungekudala izikolo ziza kunikwa amaxwebhu asisikhokelo angontshintsho aya kubandakanya icandelo ngokubanzi elingokunikwa kwenkxaso kubafundi ukususela kumaBakala 9 no-10 ngo-2003 nakwiBakala 11 ngo-2004 kwakunye nesikhokelo esisodwa esingokufundiswa kwezifundo zamaBakala 10 no-11 ngo-2004. Bayacelwa bonke ootitshala ukuba bawafundisise la maxwebhu namakathathwe njengentshayelelo kwinkqubo yemfundo ejolise kwiziphumo nanika isikhokelo malunga nokutshintsha indlela yokufundisa kumaBakala 10 no-11 ngo-2004.
3. Izikolo maziye kuzithathela kwii-EMDC amaxwebhu okunika inkxaso kwezo zifundo zenziwa ngabafundi abambalwa kuphela. (Khangela kwisihlomelo xa ufuna uluhlu lwazo.)
4. Iinqununu zikhunjuzwa ngezikhokelo zonyuselo lwabafundi ezikwiSetyhula 119/2003.
5. Ii-EMDC ziya kuqhagamshelana nezikolo ngokumalunga noomasifundisane (workshops) abenzelwa izifundo ezithile apho kuya kuxoxwa ngeziKhokelo zoTshintsho (Transition Guidelines) yaye ziyacelwa ukuba zikhangele kwiziko lewebhu loPhuhliso lweKharityhulam leSebe leMfundo leNtshona Koloni apha http://curriculum.wcape.school.za ukuba zifuna inkxaso engaphezulu. Kucelwa ootitshala bakhangele kule diski WCED OBE compact disk ngenjongo yokunika isikhokelo malunga nokusetyenziswa kweziphumo xa kufundiswayo.


ISAYINWE:NGU- P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:11:20

IsiHlomelo (Subject documents to be collected from EMDCs)  (ubukhulu: 6 KB)