1. Inkqubo yokuthathelwa ingqalelo kwenkonzo ende kwicandelo labasebenzi bakarhulumente ibonelela ukuba kuthathelwe ingqalelo:
1.1 Inkonzo esisigxina yeminyaka engama-20, engazange iqhawulwe, ezinzileyo, encomekayo nebonisa ukuzinikela iya kuwongwa ngesatifikethi esifanelekileyo yaye kukwakho nokuzikhethela ukutshintshela emalini iintsuku ezili-10 zekhefu lalowo wenze isicelo.
1.2 Inkonzo esisigxina yeminyaka engama-30, engazange iqhawulwe, ezinzileyo, encomekayo nebonisa ukuzinikela iya kuwongwa ngesatifikethi esifanelekileyo yaye kukwakho nokuzikhethela ukutshintshela emalini iintsuku ezili-15 zekhefu lalowo wenze isicelo.

2. Umntu ozanelisayo ezi mfuno zikhankanywe ku-1.1 okanye 1.2 apha ngasentla ukususela ngomhla woku-1 Januwari 2003 ukuya kowama-31 Disemba 2003 unokuqwalaselwa ngenjongo yokuba awongwe.

3. Le nkqubo ichaphazela aba bantu balandelayo:
3.1 Bonke abasebenzi benkonzo karhulumente
3.2 Bonke ootitshala

4. Umntu ochatshazelwayo ngumhlathi 2 makabonise kwisiHlomelo A ukuba ngaba unomnqweno na okanye akanawo umnqweno wokutshintshela emali inani leentsuku ezifumanekayo zekhefu ezikhankanywe kwimihlathi 1.1 no-1.2. Akuba nje esenzile isigqibo malunga noku, eso sigqibo sakhe asisenakutshintshwa. Utshintshelo emalini lwenziwa ngokwenotshi yomvuzo womntu ngomhla afanekele ngawo ukufumana esi sibonelelo sokutshintshelwa kwekhefu emalini.
5. Intloko yeziko (umphathi wesekethe omkhulu kwimeko yenqununu) okanye isuphavayiza mayizalise isiHlomelo B ukungqina ukuba umenzi-sicelo wenze inkonzo ezinzileyo nencomekayo.
6. Nceda uqaphele ukuba imali efumanekileyo yekhefu elitshintshelwa emalini ixhuzulwa irhafu.
7. Ukwenzela ukuba kube nokulungiswa yaye kutshekishwe izatifikethi zenkonzo ende, makungeniswe kweli Sebe leMfundo isiHlomelo C esizaliswe ngokupheleleyo iinkcukacha zabasebenzi abakwindawo osebenza kuyo abazanelisayo iimfuno zeli thuba lisusela ngomhla woku-1 Januwari 2003 ukuya kowama-31 Disemba 2003. Igama elikwisatifikethi liya kupelwa ngohlobo esibhalwe ngayo isazisi saloo mntu. Ukuba umntu unqwenela ukuba lipelwe ngenye indlela igama lakhe, oko makuboniswe kuzo zombini iziHlomelo u-A no-C.
8. Ziyabongozwa zonke iintloko kunye/okanye iisuphavayisa ukuba zincede zingenise isiHlomelo C, kunye nezihlomelo ezahlukeneyo u-A no-B zomntu ngamnye ogama lakhe livelayo kwisiHlomelo C, kwiSebe leMfundo ungadlulanga umhla wama-30 Novemba 2003.
9. Umbandela omalunga nokunikwa iiwotshi kootitshala nabasebenzi benkonzo karhulumente abanenkonzo yeminyaka engama-30 uya kusingathwa kwenye isetyhula.
10. Siya kuyivuyela kakhulu impendulo yakho ekhawulezileyo.


ISAYINWE: NGU.J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:11:10

isiHlomelo A  (ubukhulu: 8 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 6 KB)
isiHlomelo C  (ubukhulu: 8 KB)